Ngeke ndiyakhe ndodwa iPolokwane City, utsho uMogaladi

Abadlali bePolokwane City emva kokunyuselwa kwayo kwiveki ephelileyo e’Old Peter Mokaba Stadium. Umfanekiso: ©BackpagePix

Kwiiveki ezigqithileyo, ibingamaqela afana neCape Town Spurs neCasric Stars abenethuba lokubamba indawo yokuqala kwiMotsepe Foundation Championship – kodwa izinto ziye zaguquka ngomzuzu wokugqibela. Ngoku iintshatsheli yiPolokwane City emva kokuba ivuthulule iPretoria Callies ngemvula yamagowuli amane eqandeni emdlalweni obusePeter Mokaba Stadium endala. Ukunyuka kwePolokwane kubangelwe yiCape Town Spurs neCasric Stars ezingakwazanga ukufumana amanqaku apheleleyo emidlalweni egqithileyo. Amanqaku amathathu azuzwe yiPolokwane ayilinganise neSpurs ngamanqaku angamashumi amahlanu anesixhenxe – kodwa iqela laseLimpopo labe linamagowuli amaninzi kunelaseKapa.

Ebholeni yaseMzantsi Afrika, iphondo laseLimpopop linegalelo elibonakalayo ngoba lisoloko linamaqela abalekayo kwiDStv Premiership. Kodwa mvanje, kuthotyiselwe amaqela afana neTshakhuma Tsha FC, iBlack Leopards neBaroka FC. Esinye sezizathu esibangele ukwehla kwaloo maqela kukungabikho kwenkxaso yezimali. Ngethamsanqa, abalandeli bebhola eLimpopo baseza kuyibukela ibhola ekhatywayo emva kokubuyela kwePolokwane City kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo. Usihlalo wayo, uMnu. Johnny Mogaladi, uvakalise uvuyo olukhulu emva komsebenzi oncomekayo owenziwe liqela lakhe ngempelaveki egqithileyo – kodwa ecela inkxaso. “Siyayidinga inxaso yabantu baseLimpopo,” utshilo uMogaladi emva komdlalo.

“Inkxaso yabantu yabantu siyayidinga njengokuba sizama ukwakha iqela. Sidinga uncedo ngoba ngeke ndikwazi ukwakha iPolokwane City ndodwa. Amaqela aKwaZulu-Natal axhaswa ngoomasipala. Asiyifumani thina lo nto futhi namabala anikwa amaqela angengowaseLimpopo. Into endifuna ukubaxelela yona abantu kukuba asifuni ukuba liqela elinyuka lisehla,” utshilo usihlalo wePolokwane City. Xa sekusongwe isizini ngamaqela adlala kwiDStv Premiership ngempelaveki, iCape Town City neCasric Stars ziza kulinda iqela elivale isizini likwindawo yeshumi elinesihlanu. Amaqela asemngciphekweni yokuthotyiselwa okanye ekungenzeka adlale imidlalo yokuxabangela (PSL PlayOffs) yiMarumo Gallants, iChippa United neMaritzburg United ngoba aye emidlalweni yokugqibela elingana ngamanqaku.