Ngeke siyidelele iWitbank Spurs, utsho uKomphela

Pedro Mapelo

Phakathi kwemidlalo yeNedbank Cup eza kuba nomtsalane ngempelaveki ngulowo uphakathi kweGolden Arrows neWitbank Spurs edlala kwaFirst National Division.

Umdlalo uza kuqala ngentsimbi yesithathu ePuma Stadium ngoMgqibelo. Okunika umdla kakhulu kukuba omabini amaqela aqeqeshwa ngamadoda ayekhe aqeqesha amaqela esizwe oMzantsi Afrika.

USteve Komphela ngumqeqeshi waBafana Bes’thende – kanti yena uShakes Mashaba ngumqeqeshi weWitbank Spurs.

Ngaphandle kwamathandabuzo, uMashaba angakuvuyela ukubethwa kweqela elidlala kwiAbsa Premier Soccer League. Kwelakhe uKomphela uza kube esilwela ukungahlazwa kweqela lakhe ziidyongo ezikwinqanaba elisezantsi.

UKomphela uya eMpumalanga ethe qwa futhi esazi kakuhle ukuba kufuneka abadlali bakhe balwe ukuze bafumane impumelelo ekupheleni komdlalo.

ISpurs yaguqisa phantsi iMaritzburg United emdlalweni wokuqala. Lo nto iyabonisa okokuba iSpurs liqela elikwaziyo ukumelana namakhwenkwe amadala.

“Mandiyibeke icace into yokuba ngeke siyidelele iWitbank Spurs eqeqeshwa nguBra Shakes. Ndiyayazi iSpurs liqela elizimiseleyo kakhulu kwiNFD. Ukudlala neSpurs kuza kubanzima. Into eza kusinceda kakhulu ngoku kukuqokelela ulwazi ngendlela edlala ngayo. Okubalulekileyo kukuba siqinisekise ukuba asiphisi ngamagowuli emdlalweni ukuba sifuna ukuphumelela,” utshilo uKomphela ngethuba encokola neentatheli kule veki.

Abafana Bes’thende basendaweni engembanga kwiPSL. Ukuhambela phambili kwiNedbank Cup yinto engayenza iGolden Arrows nakubeni eyona nto isemqoka ikukuvala isizini isendaweni endilisekileyo.

UKomphela uza kufuna abadlali bakhe balingise izinto ezithile emdlalweni weqela emva kokuba libethelwe ekhaya ngo’3-2 yiSuperSport United kwiveki ephelileyo.

“Sizimisele ukwenza umsebenzi ngenkulu inyameko. Ngeke siwajongele phantsi amaqela esidlala nawo konke konke,” uvale ngaloo mazwi uKomphela.

Imidlalo yeNedbank Cup:

NgoLwesihlanu: Cape Umoya United vs Mbombela United @Athlone Stadium, 15:00; Cape Town City vs Highlands Park @Cape Town Stadium, 20:00

NgoMgqibelo: Chippa United vs Tshakuma Tsha @Nelson Mandela Bay Stadium, 15:00; Bloemfontein Celtic vs Richards Bay @Free State Stadium, 20:15

NgeCawe: Jomo Cosmos vs TS Galaxy @Makhulong Stadium, 15:00; The Magic FC vs Kaizer Chiefs @Nelson Mandela Bay Stadium, 15:00