Nguba ongcono phakathu kukaKhune noJele ezipalini?

UHappy Jele uthathe indawo kaJackson Mabokgwane izolo.

Abantu abaninzi bothuke baphantse bayokuwa xa bebona uHappy Jele, umdlali wasemva kwi-Orlando Pirates, engena phakathi kweepali njengonozinti. Oku kwenzeke emva kokuba uJackson Mabokgwane enikwe uphumaphele emdlalweni ngekhadi elibomvu ngenxa yokubamba ibhola ngesandla ebikhatywe kancinci ngu-Ayanda Gcaba ngaphandle komhlaba wakhe kumdlalo obuphakathi kwePirates neBidvest Wits izolo ebusuku e-Orlando Stadium. AmaBhakaniya abethwe ngo’2-1 kulo mdlalo wePSL.

UJele khange amen nje phakathi kweepali, uvale ibhola yeWits ebinzima. Lo nto bayincomile kakhulu abalandeli bebhola nabadlali kananjalo. Unozinti weKaizer Chiefs, u-Itumeleng Khune, uyincomile le ndedeba yakwaJele kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, watsho esithi uyithathile indawo yakhe yokuqala njengonozinti ophambili eMzantsi Afrika. “Isakhono sikaJele sokuvimba ibhola sicolekileyo. Ndiyancoma, uqhube kakuhle njengonozinti,” utshilo uKhune kuTwitter.

“UJele uyithathile indawo yam njengonozinti ophambili kwibhola yoMzantsi Afrika. Into endiyibonayo kukuba uJele uyasogqitha isininzi sethu. IBafana Bafana iyakudinga mfo,” utshilo uKhune.

Image may contain: 1 person, hat and closeup

Kanti uKhune uye wacacisa kamva okokuba akamhlaseli uJele, koko uzama ukumncoma njengoyena mdlali onexesha elide kwiPirates.

UJele uqale umdlalo izolo emva kokuphoswa ngumdlalo weveki ephelileyo eLoftus Stadium – apho iPirates ivuthululwe yiMamelodi Sundowns ngo’6-0. NgoMgqibelo iBucs izakudlala neCape Town City ephakathi kwamaqela amathathu aphambili kwiPSL. Lo mdlalo uzakudlalwa ngentsimbi yesibhozo ebusuku eCape Town Stadium.

NgoMvulo kulindeleke ukuba usihlalo weBucs, ugqirha Irvin Khoza abhengeze igama lomqeqeshi omtsha ozakungena endaweni ka-Augusto Palacios – oqeqesha njengebambela ngoku – emva kokuhamba kukaMuhsin Ertugral ngesiquphe mhla kwabethwa iPirates ngo’6-1 yiSuperSport United ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo.