Ngubani onokuma endleleni yeDowns?

Amakhosi ancwase ukuphazamisa iMamelodi Sundowns kumdlalo we-Absa Premier Soccer League oseLoftus Stadium ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoMgqibelo.

Lo ngumdlalo obalulekileyo kwiDowns kuba ifuna ukusonga isizini isenkcochoyini. Nayo iKaizer Chiefs inxanelwe amanqaku kakubi. Iveki ephelileyo ibe nzima kwiDowns; ikhutshwe kwiCaf Champions League yi-AS Vita Club, emva koko yabethwa yi-Orlando Pirates kwiNedbank Cup.

IiBrazillians ne-Ajax Cape Town ziphethe umdlalo ngoLwesithathu kungekho ephumeleleyo. Nangona ingekho sengxakini nje iDowns, kodwa kuyabonakala ukuba ukuzithemba namandla kubadlali kuyehla ngenxa yemidlalo emininzi elandelelanayo.

Emva kokubhungca eKapa, uPitso Mosimane, uvumile ukuba umthwalo uyamsinda, kodwa wathi kufuneka ubuchule njengokuba kusondelwa entanjeni. “Kufuneka sibekrelekrele njengokuba iphela isizini. Zange ndambona umntu obaleka umdyarho efika encumile emgceni. Siphantsi koxinizelelo, kodwa lo nto iqhelekile ebholeni,” utshilo uJingle engonwabanga.

Iqela likaPitso linethuba lokwenza imbali yamanqaku angaphaya kulawo afunyanwa yiKaizer Chiefs kwisizini ka’2014/15. Kodwa ukuze kwenzeke oko, kufuneka iDowns iqinisekise ukuba iphumelela imidlalo eshiyekileyo.

Iqela likaSteve Komphela liya ePitoli ukuzithemba kuphezulu emva kokubetha AmaTuks ngo’2-1 emva kwemidlalo esibhozo lingacholi naphantsi kwimidlalo yalo. UKomphela unethemba leziphumo ezingcono kwimidlalo ezayo. “Konke okwenzekileyo kwenzeka ebholeni. Thina sazixelela ngokumilisela iingqondo zethu kwizinto esizifunayo. Nangona besingaphumeleli, besikuchaphukela ukudlala ntanganye oko,” utshilo uKomphela.

Nangona kungasekho ndebe enokuyifumana iChiefs kodwa kubalulekile ukufumana indawo yesithathu ukuba ifumane ithuba [mhlawumbi] lokudlala kwiCaf Confederation Cup. Adlala ntanganye ngo’0-0 kumlenze wokuqala, kodwa lo umdlalo kulindeleke ukuba wahluke. Abadlali abafana noCastro Leonardo, uKhama Billiat noKeagan Dolly kulindeleke bayikhathaze iChiefs, kanti kwelayo icala izakuthembela ngoWillard Katsande, * -Itumeleng Khune noReneilwe Letsholonyane.