Ngubani oza kuphumelela idabi laseSoweto?

URyan Moon kulindeleke ancede Amakhosi xa edlala ne-Orlando Pirates ngoMgqibelo umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

UMzantsi Afrika uza kuma ngxi ngoMgqibelo xa kudlala amaqela amakhulu ebhola ekhatywayo.

Amakhosi andwendwela iOrlando Pirates kumdlalo weAbsa Premier Soccer League ojongwe ngamehlo abomvu ngabantu abaninzi ngo15:30 eFNB Stadium ngoMgqibelo.

Abalandeli bebhola ngokubanzi bayaxoxa ngalo mdlalo uzayo kwiindawo zentselo, ezibhasini nakwiindawo zonke ekudityanelwa kuzo luluntu.

Umbuzo umi: Ngubani oza kuphumelela idabi laseSoweto? Lo ngumbuzo oza kuphendulwa ngabadlali ebaleni phambi kokuphela komdlalo.

Umdlalo wokuqala phakathi kwala maqela waphela ebambene. Yabakruqula abalandeli bebhola lo nto – kodwa kukho ithemba lokubona umdlalo owahlukileyo kweli ityeli.

Lo mdlalo wahlukile kowonyaka ophelileyo ngoba kukho abadlali abatsha abanxanelwe ukuziqaqambisa kula maqela omabini.

Umdlalo ophakathi kweKaizer Chiefs nePirates mkhulu futhi ukhethekile kweminye imidlalo, umdlali othe waqaqamba kuwo uba yintandane yabalandeli ixesha elide.

Akukho mdlali ungayifuniyo lo nto. Umsebenzi wabaqeqeshi ubalula ngoba abadlali baya kuwo bekhuthazekile.

Emva kweesizini ezingawahambelanga kakuhle la maqela – kule isizini imeko yawo inomahluko ngoba afuna ukuqethula iMamelodi Sundowns ekwindawo yokuqala.

IPirates, ekwindawo yesibini kwiPSL, ibethe iChippa United ngo’4-2 kumdlalo obuseBhayi – nakule iveki inxanelwe amanqaku amathathu ukuze isondele kwiDowns. Nakwelawo icala Amakhosi anomnqweno ofanayo noweBucs.

Babini abadlali ekulindeleke benze idemeshe kulo mdlalo uzayo ngenxa yendlela abazimisele ngayo.

KwiChiefs nguRyan Moon, kanti kwiPirates nguJustin Shonga obuye namagowuli amabini eBhayi. Lo mdlali waseZambia akanamagowuli maninzi kangako – kodwa uluncedo kakhulu koogxa bakhe ebaleni.

Kwelinye icala yena uMoon ulixhadi likaSteve Komphela ngoku emva kokufaka amagowuli aphaya kwisihlanu kwimidlalo engaphantsi kweshumi.

“Lo ngoyena mdlalo omkhulu kwihlabathi lonke. Sizimisele ukuwuphumelela ukuze sonwabise abalandeli bethu,” utshilo uShonga.

UKomphela uthe lo mdlalo ubalulekile kwiqela lakhe kwaye unethemba lokuba umdlalo uza kufana noweNgwe neNgonyama.

Amanqaku amathathu kwakubonisa abalandeli bayo iChiefs ukuba iyayifuna nyhani indebe.