Ngubani oza kuqeqesha aBafana Bafana?

Danny Jordaan, SAFA President chat with players during the D2021 Afcon Qualifier South Africa training session at FNB Stadium, Johannesburg, on 24 March 2021 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Ziiveki eziliqela ngoku ukusukela ngomhla ekwagxothwa ngawo uMolefi Ntseki – kodwa akukacaci ukuba ngubani oza kungena endaweni yakhe. UNtseki wakhonjwa emnyango yiSafa emva kokuba uMzantsi Afrika waphosa ithuba lokuya kwi-Afcon eza kusingathwa lilizwe laseCameroon kunyaka ozayo. Amagama wamadoda afana noPitso Mosimane noBenni McCarthy bekukhe kwathethwa ngawo kakhulu.

Kanti namadoda ebekhe aliqeqesha iqela lesizwe loMzantsi Afrika afana noCarlos Queiroz noPhilippe Troussier akhe abonakalisa umdla wawo kwisikhundla esitshisayo sokuqeqesha aBafana Bafana. AmaZulu abetha ngenqindi phantsi ngelithi umqeqeshi wawo akayindawo. Yena uMosimane akabonakalisanga mdla wokuphindela kuBafana Bafana kwakhona.

Akothusanga oko ngoba akukudalanga engumqeqeshi we-Al Ahly – elona qela likhulu kwizwekazi le-Afrika. Kodwa okunoba kwenza kube nzima ukubuyela kukaPitso kwiqela lesizwe yindlela awagxothwa ngayo ngethuba engumqeqeshi walo emva kweNdebe yeHlabathi ka-2010. Iingxelo zithi iSafa ibigacele uCarlos Queiroz njengendoda eza kuthatha iintambo – kodwa kubekho ukuphoxeka emva kokuba etshintshe ingqondo ngento yaBafana Bafana.

UQueiroz yeyona ndoda eyayifunwa kakhulu nguMongameli weSafa, uGqirha Danny Jordaan, kwakudala. Okwenze nzima izinto kuthiwa ufuna isityhwentywe semali esingayishiya inxili yeSafa ingenanto. UJordaan ukhuphe umyalelo othi makufumaneke umqeqeshi nokuba ufuna imali engakanani.

Kwiveki ephelileyo, iSafa ikhuphe isaziso esithi iza kubhengeza igama lomqeqeshi. Iye yasirhoxisa eso sibhengezo ngelithi kubekho uphazamiseko ngenxa yemithetho yeKhorona. Ngoku akukacaci ukuba ngubani oza kuqeqesha aBafana Bafana njengokuba beza kuqala imidlalo yokuya kwitumente yehlabathi. Nangona iAl Ahly ithe uMosimane akayindawo, kuvakela iindaba ezithi iSafa ithumele isigidimi kule veki esiza kubonisana naye malunga nokubuyela ekhaya.

Akekho omnye umntu okufaneleyo ukuqeqesha aBafana Bafana apha eMzantsi Afrika ngaphezulu kukaPitso emva kokuphumelela iindebe zeCaf Champions League kabini nokuqokelela intaphane yeendebe kwiMamelodi Sundowns nakwi-Al Ahly.