Namhlanje abanikazi bamaqela ebhola ekhatywayo aseKapa bazakube behleli ezitulweni benethemba lokuba abadlali bakuwenza umsebenzi njengoko benqwena ezintliziyweni zabo.
Zininzi izinto ekubangiswana ngazo ngala maqela.
Okokuqala, iqela ngalinye lifuna ukubonwa njengelona qela limele idolophu yaseKapa.
Kudala i-Ajax ikhona – kodwa ke okunika umdla kukuba uJohn Comitis wayengumlawuli wayo futhi nguye owayikhulisayo phambi kokukhutshwa ngomva kwiminyaka emihlanu eyadlulayo ngu-Ari Efstathoiu no-Alex Efstathoiu abaxhuzula imikhala ngoku. Kulo nyaka uJohn Comitis uthenge iMpumalanga Black Aces, waze wayitshintsha igama
Ukubetha i-Ajax yinto enokumxolisa entliziyweni kakhulu uComitis, futhi neqela lakhe lingakwazi ukuyibethelela indawo yalo ezintliziyweni zabantu baseKapa – abohlukene phakathi ngenxa yala maqela.
Abanye babadlali ekulindeleke badlale indima ebalulekileyo nguMark Mayambela kwi-Ajax, kanti kwiCTC nguThabo Nodada – bobabini bathi bawulungele umdlalo. “Kuzakuliwa kulo mdlalo. Iqela eliphumeleleyo lilo elizakuba ziinkunzi apha eKapa. Ndiyavuya iliqela lam eliyinxalenye yale mbali,” utsho uNodaba.
Kanti naye uMayambela, otyikitywe yi-Ajax kwinyanga ephelileyo, uthi uzimisele ukubavala umlomo ebumelwaneni namhlanje.
“UNathan Paulse uyayazi into endimxelele yona. Ebekhathazekile ngoku ngenxa yokuba efumene igowuli elinye ngethuba sidlala nePolokwane City. Ndimxelele ukuba ndiyadlala; uzakubuya namagowuli amathathu,” utsho uMayambela.
Idabi phakathi kwala maqela aliphelelanga kubadlali nakwiziphathamandla nje ngoba nabaqeqeshi, uRoger de Sa no-Eric Tinkler, bayazana emva kokusebenzisana xeshikweni beqeqesha i-Orlando Pirates kwiminyaka embalwa edlulileyo.
Kwicala lakhe u-Eric Tinkler uthembele ngabadlali abafana noJudas Moseamedi, uLehlohonolo Majoro noSibusiso Masina.
“Into ekufanele siyenze ngoku kukusebenzisa amathuma esiwafumanayo emidlalweni, saphulukana noCollins Mbesuma phambi kokuqala kwesizini owayefaka amagowuli kwisizini edlulileyo. Kodwa ukuba uMajoro uyadlala namhlanje – uzakubuya negowuli,” utsho uTinkler.
Kanti yena uDe Sa uthi iingqondo zabadlali bakhe zisekufumaneni impumelelo yokuqala yeli qela kule sizini.
“Ndingakuvuyela ukuphumelela namhlanje. Mna no-Eric senze isibhambathiso. Ukuba uyaphumelela yena, mna ndizakumthengela isidlo sangokuhlwa. Ukuba ndiyaphumelela, yena uzakundithengela isidlo,” utsho uDe Sa.
Iqela elidlalela ekhaya,
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike