Umdlali odlala emva, uVirgil van Dijk, ulumkise oogxa bakhe ngoLionel Messi oyingozi phambi komdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ophakathi kweNetherlands neArgentina. La mazwe mabini aza kulwela ukuya kumjikelo wamanqam weFifa World Cup eqhubekayo eQatar xa edibana emdlalweni oza kube useLusail City Stadium ngentsimbi yethoba ebusuku ngoLwesihlanu. AmaDatshi abethe iMelika ngo’3-1 emdlalweni ogqithileyo, yona iArgentina ibethe iAustralia ngo’2-1. Ngaphandle kwamathandabuzo, iArgentina ngumqobo osendleleni yeNetherlands ekufuneka iwususe ukuze ithathe indebe eyayiphosa ngo-2010 eMzantsi Afrika emva kokubethwa siSpain ngo’1-0 eFNB Stadium emdlalweni wokugqibela.
Umdlali onamava njengoVan Dijk kufuneka athi qwa emdlalweni kude kuphele umdlalo ukuze iNetherlands ingonzakaliswa nguMessi olwela ukufumana iNdebe yeHlabathi phambi kokuthatha umhlala phantsi ebholeni ekhatywayo. Wenze isilumkiso uVan Dijk esazi futhi eyiqonda idemesha enokwenziwa nguMessi odlalela iPSG yaseFrance. “Eyona nto enzima kuxa kuhlasela thina. Uthanda ukuthi geqe yedwa ekoneni. Kufuneka abekwe esweni ngamaxesha onke ngabadlali abadlala emva,” utsho uVan Dijk odlalela iLiverpool FC yaseNgilane. Abadlali be-Argentina bathembela kuye xa kunzima emdlalweni. Lo nto ithethe ukuthi kufuneka siqwebe iqhinga lokuyoyisa siliqela ngoba akekho umntu onokuwenza eyedwa loo msebenzi,” utshilo uVan Dijk.
UMessi ulikhuphe engxakini ilizwe lakhe emdlalweni ogqithileyo ngokufaka igowuli elibalulekileyo emdlalweni wakhe wewaka (1000) engumdlali webhola ekhatywayo. Umqeqeshi weNetherlands, uLouis van Gaal, uthi unalo icebo lokukhonkxa uMessi emdlalweni wangoLwesihlanu. “Ngeke ndinixelele ngoku, nakubona ngoLwesihlanu,” utshilo uVan Gaal. “UMessi ngoyena mdlali oyingozi ngoba uyakwazi ukudala amathuba nokufaka amagowuli ngokwakhe. Kodwa xa ilahle ibhola iArgentina, yena akukho nto ayenzayo. Lo nto iza kusinika amathuba okuyonzakalisa iArgentina. Kudala ndisitsho ndisithi singazizo iintshatsheli zehlabathi ngoba amathuba sinawo,” ulebele ngaloo mazwi uVan Gaal. AmaDatshi zange aqhube kakuhle kwitumente yehlabathi ukusukela ngo-2010. Eli lithuba lokubuyisa ubunganga bawo kwakhona ebholeni yehlabathi.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’