Ngumdliva wamanqindi eSports Centre ngeCawe

Imbethi manqindi yaseZiphunzane, uAyanda Ndulani, ifuna ukuphinda etshatshalazeni noDejay Kriel.

Kodwa nakubeni kukho lo mnqweno, uNdulani kulindeleke ukuba axhimfane kube nzima noKhanyiso “Pikini” Siko kudidi lweNgcongolo emva kwemini ngeCawe eIndoor Sports Centre, eMdantsane.

UNdulani uthi uqinisekile ukuba uza kumxhimfa uSiko.

“Andimdelanga ubhuti wam, kodwa ndiqinisekile ukuba ndiza kumbetha ngoba kudala ndimbukela. Ndimde kakhulu kunaye. Ndiza kuyisebenzisa lo nto emlweni,” litshilo eli tyendyana laseScenary Park.

UNdulani, 28, uthi ukuphumelela lo mlo kungambeka endaweni entle.

“Ubalulekile lo mlo, ukuphumelela kwam kuza kundisondeza emlweni wentshinga yoMzantsi Afrika,” utshilo uNdulani.

“Iphupha lam kukuphinda ndilwe nentshatsheli yeWBC International, uDejay Kriel. Ndaqhathwa kumlo wethu wokuqala kwathiwa sidlale ngokulingana ndabe ndimbethile,” utshilo uNdulani.

UMnumzana uKC Cengani, oqeqesha uNdulani, uthi uqinisekile ngembethimanqindi yakhe kwaye uthi iza kuqhuba kakuhle. “Andimdeleli uPikinini, kodwa kudala ndimbukela esilwa. Akukho nto aza nayo intsha. Siza kumbetha,” utshilo uCengani.

Omnye umlo oza kutakis’iintlantsi kule tumente ngulowo wentshinga yoMzantsi Afrika engenamntu yamanina kudidi lweNgcongolo ophakathi kukaNthabiseng Didi waseBhayi noNtombokuqala Zenzile. Mithandathu iyonke imilo yale tumente eqala ngentsimbi yesibini emva kwemini ngeCawe.

Umququzeleli wale tumente, uKoko Godlo, uthi ukuphuhlisa amanenekazi yinto esentliziyweni yakhe.

“Onke amantombi adlale amanqindi kwinqanaba eliphezulu aphuhliswe ndim. OoNoni Tenge baphuma kwezi zandla. Andoneli nje kuwalwisa kwimilo eququzelelwa ndim, ndiyawaxhasa nangezixhobo zokuzizilolonga. Andiphuhlisi manqindi odwa, nakweminye imidlalo efana neqakamba nombhoxo ndiyabaphuhlisa nakuyo,” utshilo uGodlo.