Ngumdliva wamanqindi ngorhatya lwangomso eMonti

Abalandeli bamanqindi baza kufumana omnye umdliva wamanqindi ngempelaveki. Yimilo emihlanu yoorhasatsha beembethimanqindi eza konwatyelwa eMonti ngorhatya ngoLwesihlanu kwitumente eququzelelwa yinkampani yabathelekisi, iXaba Boxing Promotions. Umlo ophambili uphakathi kukaPhumelela Cafu walapha eMzantsi Afrika noBen Mananquil wasePhilipines. La madoda mabini aza kube esilwela intshinga engenamntu yeWBA Junior Bantamweight. Umlo kulindeleke utake iintlantsi ngoba uCafu yindoda ebetha izinto eziwayo. Emilweni esibhozo ayilwileyo, uyiphumelele kakuhle kakhulu futhi ungqengqise amadoda afana noHamza Mchanjo, uDalisizwe Komani noThandolwethu Nkwenteni.

Nakubeni uMananquil engeyiyo indoda engadelelwa – kodwa uya emlweni wangempelaveki efuna impumelelo ngoba wabethwa emlweni wangonyaka ka-2019 nguYuki Kobayashi. Intshinga engenamntu inika iimbethimanqindi zombini ithuba elihle lokuxwaya ibhanti elitsha. Kolandelayo uGideon Buthelezi waKwaZulu-Natal uza kudibana noDave Apolanario wasePhilippines kwintshinga ye-IBO Flyweight. UButhelezi yintshatsheli eyaziwayo kwaye yenye yeembethimanqindi ezibalaseleyo eMzantsi Afrika. Kwakufuneka uDave azimisele kakhulu ukuze amoyise uButhelezi endaweni ayiqhelileyo njengeMonti. Emilweni engamashumi amabini anesithathu, uButhelezi ubethwe kahlanu.

Kanti yena uDave uqhayisa ngoba zange wabethwa kwinqanaba leembethimanqindi ezihlawulwayo. Omnye umlo oza kuba nomtsalane ebantwini uphakathi kuka-Ayanda Ndulani noSiphamandla Baleni xa bexikixana kwi-IBO Mini-Fly weight. UNcedo Cecane uza kudibana noMzolisi Yoyo emlweni wokucweya. Kanti komnye umlo, uMpumelelo Thabalala uza kukhusela intshinga yeSA Junior flyweight kuSikho Moshani waseDuncan Village. Abaphathi beXaba Promotions basingatha le tumente ngelizama ukubhiyozela ubomi begqala lomzabalazo, uRholihlahla Nelson Mandela. Iingcango zeholo (East London ICC) ziza kuvulwa ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngoLwesihlanu.