Ngumdliva wombhoxo eSisa Dukashe!

Kulindeleke ingxikela yemidlalo yombhoxo eSisa Dukashe Stadium xa kudibana amaqela ombhoxo adlala kwiSuperSport Challenge.

Yimidlalo emithandathu yonke eza kuthi yonwatyelwe ngabalandeli bombhoxo ngeCawe. Kumdlalo wokuqala, iFree State Cheetahs ingquzulana nabamelwane iGriquas.

Kwelinye idabi labamelwane, iBorder Bulldogs inyathelana neEP Elephants kwimidlalo yeSuperSport Challenge.

Le midlalo iza kudlalwa emva kwemidlalo yamaqela angahlawulwayo eza kube iphakathi kweBlack Eagles yaseTsholomnqa neNtlaza Lions; iNtlaza, nadlala kwiSuper League.

Le ngxikela yemidlalo isimahla kwaye iqala ngentsimbi yeshumi kusasa.

Omabini amaqela aseMpuma Koloni ohlulekile ukuzibekela indawo kwimidlalo eyandulela eyamagqibela kankqoyi kwiSuperSport Challenge. IBulldogs ibethe iEP Elephants ngo’22-17 kumlenze wokuqala wale midlalo.

Umongameli weBulldogs, uMnu. uPhumlani Mkolo, ukholelwa kwelokuba isiqalo seqela lakhe besingekho sihle.

Ubalule lo nto njengonobangela wokungafumani manqaku oneleyo ebenokusa iBulldogs kwimidlalo eyandulela eyamagqibela kankqoyi.

“Sibe nesiqalo esibi kule tumente, siso isizathu esibangele ukuba singayi kwimidlalo yokuzibekela indawo eyandulela amagqibela kankqoyi,” utshilo uMkolo.

UMkolo uthi nangona bengaqhubanga kakuhle kwiSuperSport Challenge, kodwa bancedakele kumalungiselelo wabo eCurrie Cup ezokulandela kwiinyanga ezimbini ezizayo.

“Ndiqinisekile ukuba siza kuyiphumelela iCurrie Cup, ngoba onke amaqela akula tumente sizibonile ukuba singawabetha,” itshilo le ndedeba.

OkaMkolo ubakhuthazile abalandeli bombhoxo ukuba baphume ngobuninzi babo ukuya kwimidlalo yangeCawa.

“Umbhoxo uyabonwabisa abantu, ndiyabakhuthaza ukuba baphume ngobuninzi babo ukuya ebaleni,” utshilo.