Ngumdliva wombhoxo eSisa Dukashe Stadium imini yonke ngoMgqibelo

Amaqela alishumi ombhoxo aza kudibana eSisa Dukashe Stadium emidlalweni yeBrutten Top 10 eqala ngentsimbi yeshumi ngoMgqibelo. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Umhla weshumi elinesixhenxe lusuku olukhulu kakhulu kwicandelo lezemidlalo eMpuma Koloni ngoba kuza kube kuqala itumente yombhoxo ekuthiwa yiBrutten Top 10 ejongwe ngamehlo abomvu ngabantu abaninzi. Ngoophopho bamaqela aphambili embhoxweni waseMpuma Koloni abaza kuthatha inxaxheba kwitumente exhaswa nguTekkie Town, uFNB noCastle Lager.

Yitumente yokuqala le phantsi kweBorder Rugby Union kwaye abaququzeleli bayo bathembise ngemidlalweni eza kushiya abantu bencumile. Emva kokuphehlelelwa kwayo iBrutten Top 10 emsithweni obubanjelwe eMonti kwiveki ephelileyo, uMnu. Sindile Mayende, uthe yitumente yokuqala phantsi kweBorder equka amaqela akwinqanaba eliphezulu nelisezantsi.

“Injongo yale tumente kukuvuselela umbhoxo apha kwiBorder. Le ndawo yayikhe yavelisa abadlali abadlalela Amabhokobhoko. Kwiminyaka edlulileyo sikhuphe uMakazole Mapimpi okhe wadlalela iWinter Rose neSwallows ngokulandelelana. Sizimisele ukubuyela ezingcambini zethu,” utshilo uMayende ongumququzeleli echulumancile.

Wenze nombulelo ongazenzisiyo kubaxhasi betumente yombhoxo entsha uMayende. Umdlalo wokuqala eSisa Dukashe Stadium uza kuba phakathi kweBCM neKomga United ngentsimbi yeshumi kusasa ngoMgqibelo. Emva kwalowo umdlalo kuza kudibana iLovedale Collage nayo iEL Police ngentsimbi yeshumi elinambini emini.

Ngumdlalo oza kutsala umdla wabantu abaninzi ngoba iEL Police liqela lombhoxo elinamandla kakhulu kummandla weBorder. Nayo iLovedale iza kuya emdlalweni ifuna ukuya kumjikelo olandelayo weBrutten Top 10 eqalayo kulo nyaka.

Yona iSwallows eyingozi iza kuswantsulisana neFB United emdlalweni obekelwe intsimbi yesibini. ISwallows lelinye lamaqela ekujonjwe ukuba angathatha indebe. Kodwa noko kunjalo, kufuneka iqale ibethe iFB United.

Umdlalo wokugqibela ungentsimbi yesine phakathi kweWalter Sisulu University (All Blacks) neFort Hare Blues. Nawo lo umdlalo uza kunika umdla kakhulu. Iqela eliphumelele indebe liza kufumana amashumi amathathu amawaka erandi (R30 000) namakheyisi wotywala.