Nguta: Kuza kushiyana oomam’ ukondla!

UChris Nguta ngoyena sozoso ogqwesileyo kwitumente yeBuffalo City ebibanjelwe eMonti kwiveki ephelileyo

Emva kokuthwaliswa isithsaba sobuntshatsheli, ngoku uChris Nguta uthi ufuna ukuphakamisa iMpuma Koloni kwicandelo lamadoda angoosozoso.

UNguta yintshatsheli entsha yeMpuma Koloni emva kokuba ethe wangoyena sozoso oqaqambileyo kwitumente yaseBuffalo City ebibanjelwe eMonti kwiveki ephelileyo.

Kwinyanga ephelileyo, uNguta ubuye exhakazela ziindebe emva kokugqwesa kwitumente ebibanjelwe kwiphondo laseGauteng.

Kukhangeleka ngathi uvunyiwe ngulo nyaka emva kokuba etshatshele nasendaweni yakhe – into ayizame iminyaka emithathu yonke ingade yenzeke.

“Ndaqala ukungenela itumente yalapha eBuffalo City ngo2012 ukuya ngo2015. Zange ndide ndibe yintshatsheli yetumente yonke noxa bendimane ndiphumelela,” utshilo uNguta waseQonce kweli phephandaba.

Kulindeleke ukuba uNguta athunyelwe kwitumente kazwelonke eGoli apho oosozo baza kuthelekiswa khona bephuma kwamanye amaphondo.

Uthi uzimisele ukuyibeka endaweni entle iMpuma Koloni. “Bendisoloko ndikulangazelela ukuba yintshatsheli yaseMpuma Koloni ukusukela oko ndathatha inxaxheba kwitumente yeBuffalo City. Yenzekile lo nto ngoMgqibelo (ogqithileyo) kwaye ndonwabe kakhulu emva kokuba ndide ndayintshatsheli yalapha eMpuma Koloni. Lo nto ithi iMpuma Koloni iza kujonga kum. Njengentshatsheli yalapha, abantu mabalindele lukhulu kum ngoba ndizimisele ukuyiphakamisela phezulu iMpuma Koloni. Le ndawo yethu isoloko ijongwe njengendawo yeelali engena kwenza nto ngoba abantu baqhele ukubona oosozoso abaphuma kwiindawo ezifana neKapa neGoli,” utshilo uNguta.

Umdlalo wamadoda neentokazi ekuphakanyiswa iintsimbi kudliselwe kuwo ngezihlunu (Body Building) awukakhuli kakuhle apha eMpuma Koloni ngenxa yenkxaso engekho kakuhle kokubini kwicala likaRhulumente nakoosomashishini.

Inani eliphantsi leentshatsheli eziveliswa yiMpuma Koloni libhenca ukutsala nzima koosozoso nakubeni bebaninzi ngoku abantu abanomdla kuwo.

“Zisembalwa zona iintshatsheli kweli phondo. Ezikhoyo ngoku nguLwazi Buso, Misumzi Wakashe, uTerror Dlodlo, uLusindiso Dunster nabanye. Noxa inani lisephantsi kodwa umgangatho weentshatsheli zethu apha uphezulu kakhulu. Kuza kushiyana oomama ukondla eGoli ngoba olithoba amaphondo aza kube emelwe ziintshatsheli zawo,” utshilo uNguta.

Indoda ephumeleleyo iza kumela uMzantsi Afrika kwitumente eza kube iseDubai.