NguWafa Wafa eMbombela Stadium!

Kuzodlan’ iintsimbi kwiWafa wafa kule mpelaveki! IMamelodi Sundowns, ootshotshentla kwibhola yoMzantsi Afrika, idibana neBidvest Wits elushica kumdlalo wamagqibela kankqoyi weMTN 8 ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo eMbombela Stadium.

Umdlalo kulindeleke utak’iintlantsi nanjengokuba omabini la maqela eqeqeshwa ngamadoda ahlonitshwayo, uPitso Mosimane noGavin Hunt, kwibhola yelizwe lonke.

Amaqela wabo omabini adlalela ukuphumelela xa edlala. Lonto ithethe ukuthi abantu mabalindele umdlalo oyeleleneyo kwiDowns neWits. Ukuze ifikilele kumdlalo wokugqibela iWits ibethe i-Orlando Pirates neCape Town City, Chippa United.

Umlo phakathi kwala maqela aphambili eMzantsi Afrika uqale kwisizini yePSL ka’2016/17 eyaphunyelelwa yiSundowns ekugqibeleni.

UGavin Hunt usazama indebe yakhe yokuqala kwiWits, ngo’2014 iqela lakhe labethwa yiPirates kwiNedbank Cup, eMoses Mabhida Stadium – ukusukela ngoko zange aphinde alifumane ithuba elinje.

Yena uJingles uzakuthatha apho ayeke khona emva kokuba iDowns ifumene indebe yePSL neTelkom Knockout kwisizini edlulileyo.

USipho Ndzuzo, owayengumdlali weMthatha Bush Bucks, uxelele I’solezwe ukuba iSundowns izakuyithatha iMTN 8. “Izakuphumelela ngo’3-1 iDowns. Ifana nje neReal Madrid, akukho qela iSundowns engenekulibetha.

Iyadlala iWits – kodwa andiyiboni ibetha iSundowns,” utshilo uNdzuzo. Iqela eliphumeleleyo kulindeleke lifumane indebe ekhatshwa zizigidi ezisibhozo zeerandi(R8-million).