Ngxathu: Liqaqambile ikamva lombhoxo wamanenekazi!

Umqeqeshi weBorder Womens Club usenethemba lokubona iqela lakhe liphakamisa indebe emva kokubethwa liqela laseNtshona Koloni kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Umqeqeshi weBorder Women’s Rugby, uNwabisa Ngxathu, uthi iqela lakhe lifundile kwiimpazamo ezibangelwe yiWestern Province.

IBorder iphulukene nomdlalo kwimizuzu yokugqibela ebethwe kuwo ngo’38-32 kwi-Inter-Provincial League eKapa kwimpelaveki ephelileyo.

UNkosazana Ngxathu uthi abadlali bafundile kokwenzekileyo emdlalweni.

“Andikwazi ukubagxeka abadlali bethu. Balwile kakhulu kodwa iWestern Province ibingcono emdlalweni. Into endiyincoma kakhulu kukuba iimpazamo abazenze emidlalweni engaphambili khange bazenze emdlalweni wamagqibela kankqoyi. Ewe, zibe khona ezinye iimpazamo esibe nazo kodwa ndikholelwa kwelokuba sifundile kuzo,” uNgxathu utshilo.

OkaNgxathu uthi ukunqaba kwenkxaso evela koosomashishini babucala kuya wubambezela umbhoxo kwiBorder.

“Ukuba uyawaqwalasela amaqela amaninzi ombhoxo wamanina, uya kufumanisa ukuba ukhona umdlali osuka kwiBorder. Ukukhula kwabo kwenza ukuba bathathwe ngamaqela ame kakuhle ezimalini. Thina sibethwa kakhulu kukunqongophala kwemali kwiBorder Rugby nokungafumani inkxaso koosomashishini babucala. Ngokwasembhoxweni, sinabo abadlali futhi likhona nehlumelo. Ukuba singafumana inkxasomali ungaphucuka kakhulu umbhoxo kulo mmandla. Ungajonga nakuMabhokobhoko amanenekazi, abadlali abaninzi basuka kwiBorder,” utshilo uNgxathu.

Nangona ekhala ngokunqongophala kwemali, uNgxathu uthi liqaqambile ikamva lombhoxo wamanenekazi kwiphondo leMpuma Koloni.

“Hayi, ndiqinisekile ukuba liqaqambile ikamva lombhoxo wamanenekazi kweli phondo. Baninzi kakhulu abadlali abaza kusimela kwiqela lesizwe,” uNgxathu utshilo.

Eli nenekazi lithi liqinisekile ukuba iBorder iza kuphinda ibe ziintshatsheli zale tumente kwakhona kwiminyaka ezayo.

“Kule sizini sisebenzise abadlali abaselula kakhulu. Bakwazile ukuzibonakalisa ngoba sijike kumdlalo wamagqibela kankqoyi. Ndiqinisekile ukuba siza kuphinda siyiphumelele indebe kwakhona,” utshilo uNgxathu oyibulele kakhulu inkxaso efunyenwe liqela lakhe.