Njedu: Siya kwiHighbury sivuselelekile

UChippa Njedu noSipho Sethu Mtule emva kokuba iBees ibethe iMariveni United kumdlalo weNedbank

Kugquba umoya omhle kwinkampu ye-EC Bees edlala kwiMotsepe League emva kokuphumelela umdlalo obuseLimpopo kwiveki ephelileyo.

Iinyosi (isiteketiso seBees) zibethe iMariveni United ngo’3-1 kumdlalo weNedbank Cup.

Eli liya kumjikelo olandelayo weNedbank lizithembile – kodwa umqeqeshi walo, uChippa Njedu, uthandazela izinto ezimbini: ukuthelekiswa neqela elincinane badlalele nasekhaya kumdlalo olandelayo.

Lo nto uyithethe esazi ukuba ukudlalela phambi kwabalandeli kulinika amandla angumangaliso iqela xa lidlala.

Nangona yabethwayo kwiNedbank kunyaka ophelileyo yi-Orlando Pirates – kodwa abadlali bayo bayishiya iSisa Dukashe Stadium bengayilibali iBees.

Impumelelo yeBees imchulumancisile umqeqeshi wayo kakhulu ngoba imidlalo yeNedbank inika abadlali abasakhulayo ithuba lokuzibonakalisa kumaqonga aphezulu.

USipho Sihle Mtule weBees ngoyena mdlali othe waqaqamba kwiveki ephelileyo kwaye umqeqeshi umncome kakhulu lo mdlali.

“Isonwabise kakhulu impumelelo esiyifumeneyo. Abadlali bethu abasakhulayo bafumene ithuba lokubonwa esizweni. Besikulindele ukuyibetha iMariveni United kula mdlalo – kodwa simke sizixelele okokuba akufuneki siye kuyo siyidelela. Injongo yethu yokufikelela kumaqela alishumi elinesithandathu ifezekisiwe,” utshilo uNjedu ethetha neli phephandaba.

Ingaba iBees iza kutsala eliphi iqela? Impendulo iza kufumaneka namhlanje xa kusenziwa uthelekiso ngokusesikweni.

UNjedu uthi bafuna iqela elincinane ngoba bancwase ukuya phambili kwiNedbank.

“Sirhalela ukudlala neqela elincinane apha ebaleni lethu. Ukuba sidlalela ekhaya, asikhathali nokuba sinikwa iqela elikhulu,” utshilo uNjedu.

IBees ayikanikezeli kwiphulo layo lokubamba indawo yokuqala xa kuphela isizini. Kule veki iBees idlala neHighbury kumdlalo weMotsepe League encwase ukuqokelela amanqaku amathathu kuwo.

Umqeqeshi uthe abadlali bakhe baya kulo mdlalo bekhuthazekile kwaye benethemba lokuphumelela yonke imidlalo yabo elandelayo kule sizini.