I’solezwe lihleli phantsi nomlandeli osemtsha – kodwa oyithanda kakhulu iKaizer Chiefs. Le ndedeba yaseWestbank isixelela ngokubaluleka kokumanyana kwabalandeli beqela lakhe.
Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Ngokufutshane ungubani, uhlalaphi?
Siyavuya Nkoyi: Igama lam ndinguSiyavuya Nkoyi, ndihlala kwindawo ekuthiwa yiWestbank kwalapha eMonti.
PM: Waqala nini ukulandela iKaizer Chiefs, ngobani abakufaka kuyo?
Ndaqala ukuyilandela iChiefs ngo’2004. Yayidlala ibhola ebukelekayo kakhulu ngelo xesha phantsi kukaTed Dumitru, yilonto eyanditsalayo apha kuyo. Kodwa ke enye into abantu basekhaya bonke baxhasa iChiefs.
PM: Amakhosi ziintshatsheli zeCarling Black Label, uziva njani?
Ndonwabe kakuhle kakhulu, idlale kakuhle iChiefs kwaye umdlalo wayo ubonisile ukuba iyilungele isizini entsha. Ndiyayithanda iCarling Black Label ngoba iyalinceda iqela lethu phambi kwesizini entsha. Sonwabe kakhulu singabalandeli kwaye sizakubaxhasa abadlali nomqeqeshi.
PM:Ucinga ukuba izinto zakuyihambela njani Chiefs kule sizini entsha?
Emva kwala mdlalo wangoMgqibelo, ndinethemba elikhulu. Sifumene abadlalo abasakhulayo, zivalekile iindawo ebesikhala ngazo. Andithandabuzi, sizakubuya nazo iindebe ezimbini okanye ezintathu kule sizini.
PM: Kubaluleke ngantoni ukuba yinxalenye yesebe labalandeli beChiefs?
Kumnandi ngokuba sakha ubuhlobo nabantu futhi siyancedana xa kukho ingxaki.
PM: Umyalezo wakho kubalandeli beChiefs
Bonke abalandeli beChiefs mabayazi into yokuba le isizini ayizufana nale iphelileyo. Mabayixhase iChiefs, bangazikhathazi ngokudlulileyo. Masimanyane sijonge phambili.
UEl Nino uhlasela amafama weswekile