Nombewu: Kumnandi ukuba ngumlandeli weChippa United

Gcobani Nombewu ongumlandeli weChippa United

Ukugaleleka kweChippa United kwidolophi yaseBhayi kwiminyaka edlulileyo kwaba yinzuzo ebantwini abaninzi abalandela ibhola ekhatywayo.

I’solezwe lincokole nomlandeli owayefudula elandela iKaizer Chiefs. Usibalisela ngokulandela kwakhe iqhayiya leMpuma Koloni – iChippa United.

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba mhlekazi, Ngokufutshane ungubani?

Ulandeli: Enkosi kakhulu. Igama lam ndinguGcobani Nombewu, ndihlala kwaMagxaki apha eBhayi.

PM: kwenzeka njani ukuze ubengumlandeli weChippa?

GN: Okokuqala mandithindandiyilandela ibhola kuba ndiyithanda. UNelly nguye owandifaka kuyo ngoba ndandingumlandeli weKaizer Chiefs – kodwa ongaqinanga. Andikhali kuba ndinendawo endibambeleleyo kuyo.

PM: Kubaluleke nganto ukuba sesebeni leChippa United?

GN: Uba nethuba elihle lokufumana ulwazi ngezinto zeqela eli. Xa sinohambo oluya kwezinye iindawo sifumana isaphulelo kwiindleko zokuhamba. Kodwa ke eyona nto ibalulekileyo kukuba sidibana nabantu, sakhe ubuhlobo futhi sabelane ngamava wethu wobomi.

PM: Kwezi ntsuku iChippa ayiqhubi kakuhle, uziva njani?

GN: Ayindoyikisi lo nto ngoba imbalwa imidlalo esiphulukene nayo thina. Sidlale ngokulinga kwimidlalo eliqela. Into ebikade isiphazamisa kukungabikho kweefolosi ngenxa yekwenzakala kwazo. Siyavuya ngoku ngoba kukho uKatlekgo Mashego – uzakuyivala noko la ndawo.

PM: Ulindele ntoni kwiChippa kule isizini?

GN: Into endiyifunayo kukuba iChippa ihlale ilelinye amaqela aphambili kwiPSL. Noba kwenzeka ntoni kule sizini – kodwa yona lo nto ndiyayifuna. Ndibuhlungu ngoba sikhathazwa kukonzakala kwabadlali bethu.