Notshe: Ndiziva ndisekhaya kwiCell C Sharks!

USikhumbuzo Notshe kulindele anze indima ebonakalayo emdlalweni weSuper Rugby ophakathi kweCell C Sharks yakhe neStormers: Umfanekiso: EPA/DARREN ENGLAND

Omnye wabadlali baseMpuma Koloni abenza iziqwenga embhoxweni uthi ukuya kwakhe kwiqela laKwa Zulu-Natal kumenze wangumdlali ongcono kakhulu.

Igama laloo mdlali nguSikhumbuzo Notshe oyifulenka kwiCell C Sharks emva kokusokola iminyaka kwiDHL Stormers kwiminyaka edlulileyo.

UNotshe waseQonce kwiphondo laseMpuma Koloni wafudukela eNtshona Koloni esemncinane – apho waqala ukudlala umbhoxo kwinqanaba eliphakamileyo kwiWestern Province ngo-2013.

Akakwazanga ukwenza inkqubela uNotshe, 26, ngendlela ebenqwenela ngayo kwiminyaka edlulileyo. Ekupheleni kuka-2019, uNotshe uye kwiSharks athi uziva esekhaya kuyo.

Nangona engumdlali wombhoxo osezingeni eliphezulu – kodwa ukuhlangana nabakhaya bakhe abafana noLukhanyo Am noMakazole abangabadlali beqela lesizwe kube nefuthe kwindlela adlala ngayo.

Emidlalweni esibhozo yeSharks kule sizini, uNotshe sele eqale umdlalo emidlalweni emithandathu yonke kwiVodacom Super Rugby.

“Ayithetheki indlela endiziva ngayo apha kwiSharks. Ndonwabe kakhulu kwaye sonke siyahloniphana. Ndiyakwazi ukufika ndibulise noonogada apha xa ndifika ekuseni,” utshilo uNotshe odlala njengefulenka (kunombolo:8) encokola neentatheli kule veki.

Kulindeleke abe yinxalenye yomdlalo weSuper Rugby ojongwe ngamehlo abomvu ophakathi kweSharks neqela lakhe lakudala iStormers oseKings Park Stadium ngo-15:00 ngoMgqibelo.

“Akufuneki usebenzise imvakalelo yakho ke emidlalweni enje ngoba ingayingozi lo nto.

“Okubalulekileyo kum kukuphumelela kweqela lam. Ewe, liqela endilaziyo; andikwazi ukuyifihla leyo into. IStormers liqela elidlala kakuhle kakhulu. Nangona iStormers sibethwe yiBlues kutshanje – kodwa oko akutshintshi nto. Liqela elinabadlali abasakhulayo abasalambele ukudlala. Kufanele sifike kuqala ebholeni ukuba sifuna ukuphumelela,” utshilo uNotshe ongomnye wabadlali ekuthenjelwe kubo kwiSharks.