Noxa bebengayifuni abantu abayibone kuFacebook – kodwa iBhasi iwathwele AmaBhokobhoko izolo

AmaBhokobhoko ngethuba ekutyelelo eMonti izolo. Umfanekiso: Pedro Mapelo/ANA

Ekuqaleni
kwale veki, abantu abaninzi kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook bayikhalezele
kakhulu iBhasi ebiza kukhwelisa AmaBhokobhoko kutyelelo lwawo eMonti obe
luyizolo. Inkangeleko yayo yayibonisa iBhasi endala futhi engathi ingoyisakala
endleleni. Uninzi lwabantu lathi iintshatsheli zehlabathi embhoxweni wehlabathi
zifanelwe kukukhweliswa ebhasini esemgangathweni ophezulu. AmaBhokobhoko ahambe
ngenye ibhasi eyahlukileyo kuleya – kodwa endala nayo ade aluqoshelisa utyelelo
kungekho ngxaki. I’solezwe lesiXhosa beliyinxalenye yotyelelo leqela lesizwe
lombhoxo imini yonke yayizolo. 

Image may contain: car and outdoor

Emva kwemini, sithe makhe sijonge ubume beBhasi.
Sithathe imifanekiso embalwa. Indala yona ibhasi – kodwa umsebenzi omhle
iwenzile. Ngokwenxelo ephume kwiphephandaba lemihla ngemihla elizinze eMonti,
ibhasi yeSpringboks isetyenziswa kakhulu emisithweni efana nemitshato. Inkokheli
yeqela lesizwe lombhoxo, uSiya Kolisi, uyibulele ngokungazenzisiyo inkxaso
abantu baseMpuma Koloni abayinike iqela lakhe ngethuba lidlala itumente
yehlabathi. UKolisi uthethe nawakawaka abantu emsithweni wokuvuyisana
naMabhokobhoko obubanjelwe eholweni laseMonti izolo ekuseni. 

No photo description available.        

AmaBhokobhoko
agaleleke eMonti ngoLwesihlanu xa kutshona ilanga esuka eThekwini kwiphondo
laKwaZulu-Natal – apho ebekusuku lwesibini lotyelelo. Kwiveki ephelileyo,
AmaBhokobhoko aphumelele iNdebe yeHlabathi ityeli lesithathu kwimbali yombhoxo emva
kokuvuthulula iNgilane ngo’32-12 emdlalweni obuseYokohama Stadium, eJapan.
Imini yonke yayizolo, abadlali beSpringboks nabaqeqeshi batyutyha-tyhutyhe
idolophi yaseMonti neelokishi zayo bebonisa abantu indebe ababuye nayo eJapan.