Nakubeni indodana yaseNgcobo yatyekezwa kakubi ngumdlalo wombhoxo – kodwa isazimisele ukubuyela kuwo xa kuphela ixesha lesigwebo sayo. UDyantyi uxelele abalandeli bakhe kwikhasi lonxibelelwano, u-Instagram, ukuba uza kubuyela embhoxweni nakanjani xa kuphela isigwebo ekukekeleni konyaka ozayo. Le ndedeba yaseNgcobo yagxizwa kwesigwebo seminyaka emine ingawudlali umbhoxo nonjani yiSouth African Institute for Drug Free Sport emva kokuba kwathi kwabhaqwa ichiza elingafunwayo egazini lakhe ngonyaka ka-2019. Iingxaki zikaDyantyi zafika ngexesha elibi, kanye xa eqhuba kakuhle kwiLions nakwiqela lesizwe (Amabhokobhoko) lilungiselela ukuya kwiNdebe yeHlabathi yombhoxo eyayisingathwe lilizwe laseJapan.
Ngaphandle kwamatandabuzo, uAphiwe wayeza kuba nayo indawo kwiqela likaRassie Erasmus owanceda Amabhokobhoko abuya exwaye indebe. Wazama ukubhena – kodwa iziphumo zesibheno sakhe zange zimnike into eyahlukileyo. Xa ebuyela emdlalweni wombhoxo kwakhona uDyantyi kunyaka ozayo, uya kube enamashumi amabini anethoba eminyaka. “Lo nyaka ndiza kufinca kuwo iminyaka emithathu yonke ndingasakwazi ukudlala umbhoxo. Ibe yiminyaka enzima yenyembezi, eyokuzivuselela, eyothando lokuhleka,” utshilo uDyantyi ku-Instagram wakhe kule veki.
“Ndidibene notshutshiso oluze emva kwempazamo ebomini bam – kodwa ekukho nto endingayiguqula ngoku ebomini bam. Ndivuyiswa kukuba ndixakekiswe ngamashishini wam amabini. Inkxaso endiyifumeneyo ebantwini iyamangalisa. Ndibe nethamsanqa lokufumana ithuba lokwakha ubomi bam obuza kundinceda xa ndiyekile ukudlala umbhoxo. Ewe, ndilungiselela ukubuyela embhoxweni,” utshilo uDyantyi, ogaxeleke engxakini emva kokufumana iwonga lonyaka osemtsha. Ingaba uya kulifumana ithuba lokudlala umbhoxo kwakhona? Akukho bani owaziyo okwangoku – kodwa, ngaphandle kokuthandabuza, usenawo amandla okuya phambili embhoxweni.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!