Ntlantla Ngamntwini: Akanokwazi ukumelana nam

Imbethi-manqindi yaseZiphunzane, uNtlantla “24” Ngamntwini , ongumceli-mngeni kwintshatsheli yodidi lwempukane uThembelani Nxoshe waseMdantsane, uthi uqinisekile ukuba kuzakusa eyintshatsheli ngomhla wethoba kwinyanga yoMnga.

“Ndiqinisekile ndizakuwuphumelela lo mlo ngoba kudala ndiwulungiselela. Ndiyamazi kudala ndimbukela uNxoshe, akazokwazi ukumelana nam tu ngala mini.”

La matyendyana azakunyathelana ngeenzwana kumlo ozakohlula kubini ezona ndawo zinkqenkqeza phambili ngokuvelisa elona nani liphezulu leentshatsheli kwimbali yamanqindi eMzantsi Afrika – iZiphunzane noMdantsane kwiholo i-Orient Theatre ngomhla wesibhozo kwinyanga yoMnga.

UNgamntwini, 24, nezathi zawa iinzame zakhe zokuba yintshatsheli ngo-2014 xeshikweni elaliswa ngophotho kumjikelo wesine nguSimphiwe Konconco, nowayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweengcongolo (straw weight), ubabongozile abalandeli bakhe ukuba baphume ngobuninzi babo bayomxhasa.

“Kubalandeli bam bonke, phumani ngobuninzi benu.Yimini yethu leya, ndizakubhinqa ngala mhla. Siyamazi ukuba uzakusikhaba, asingqube, kodwa nantoni ayenzayo siyilungiselele.”

UNgamntwini uya kulo mlo enemilo elishumi elinesine; uphumelele yalishumi elinesithathu, waze wabethwa komnye kuphela.

Intshatsheli ekhuselayo uThembelani Nxoshe yona inemilo engamashumi amabini anesine, iphumelele yalishumi elinesithandathu, yabethwa kwesixhenxe, yadlala ntanganye komnye.

Eminye imilo ephambili kule tumente iquka umlo wentshatsheli ye-IBF Intercontinental kudidi lweJunior feather: uLudumo Lamati waseMdantsane nozobe esilwa no-Alexis Boureima Karobe waseBurkina Faso; uMzuvukile Magwaca uzakubeka intshinga yakhe ye-IBF Intercontinental kudidi lweNtambanani esichengeni nalapho azakujongana nendoda yaseNamibia egama lingu-Immanuel Naidjala. USphamandla Baleni waseMthatha, noyintshatsheli yodidi lweNgcongolo, uzakukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kuXolisa Magusha waseSada. Uyanda “Big Bear” Nogogo waseMdantsane, uzakuzama ukuqwenga uMzoxolo Ndwayana waseRhini kumlo omijikelo isibhozo.

Le tumente yenziwa yiXaba Boxing Promotions nekhokelwa ngu-Ayanda Matiti.