Nyati: Ndifuna ibuyele kwiTop 8 iChippa United

Luvuyo Nyati

I’solezwe lesiXhosa lincokole nomnye wabalandeli abaphambili kwiChilli Boys futhi oyinkokeli yesebe labalandeli awalisungulayo kwilokishi yakhe. Usibalisele ngobomi bakhe njengomlandeli weli qela laseMpuma Koloni.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Kuhle, unjani wena?

PM: Kuhle nakum. Khawuzichaze ngokufutshane, ungubani?

Umlandeli: Igama lam ndinguLuvuyo Nyati, usihlalo weChippa United Supporters Branch apha eWalmer, eBhayi.

PM: Oh, kulungile. Nceda usixelele, kutheni wena wakhetha iChippa United?

LUVUYO NYATI: Eeeyi! Ndandingumlandeli weKaizer Chiefs ngaphambili. Kodwa kwathi kwakufika iChippa apha ndaqonda ukuba mandixhase yona kuba ikuphela kwalo iqela elidlala kwiPSL apha eMpuma Koloni nelisondeza imidlalo. Ndiyayithanda nendlela ibhola eyidlala ngayo kakhulu.

PM: Uziva njani njengomlandeli weChippa emva kwesizini ka’2016/17?

LN: Ndiyayincoma inkqubela eyenziwe liqela. Siqhube kakuhle kwiMTN 8 safikelela kwimidlalo ephambi kwamagqibela kankqoyi kwiNedbank Cup okokuqala kwimbali yeChippa United. Iimpazamo ezenziwe liqela ndiyazamkela futhi ndizithatha njengokuba ziyinxalenye yokukhula. Kufuneka sifunde kuzo.

PM: Yintoni ongasoze uyilibale ngeqela lakho?

LN: Ndiyithandile indlela esidlale ngayo neMamelodi Sundowns, siyisokolisile kakhulu – kanti iChippa United iwabethile amaqela amakhulu afana neChiefs, i-Orlando Pirates neSuperSport United. Ndakhathazeka mhla sasibethwa yiCape Town City kodwa.

PM: Ulindele ntoni kwisizini ezayo?

LN: Ndilindele iChippa United ibuyele kwiTop 8 kwisizini ezayo. Enye yezinto endiyinqwenelayo yinkxaso yabantu baseMpuma Koloni bebonke. Likhulu eli phondo, sifuna idolophu nganye ibenalo isebe leChippa.

PM: Ngubani umdlali omthandayo?

LN: NguSandile Zuke. Uyayilwela iChippa ngamaxesha onke kwaye akasiphoxi. Omnye umdlali nguPaseka Mako, ngomnye umdlali odlala kakuhle.