Obeqeqesha iBaroka unethemba lokubuyela kwiPSL

Baroka FC head coach Kgoloko Thobejane during 2017 Telkom Knockout Baroka FC press conference at PSL Offices in Parktown ,Johannesburg South Africa on 02 November 2017 © Aubrey Kgakatsi /BackpagePix

UKgoloko
Thobejane ubetha ngenqindi phantsi ngelithi uza kubuyela kwiPremier Soccer
League njengomqeqeshi kwakhona. Lo kaThobejane utsityiswe umgubasi yiBaroka FC
ebutsheni bale veki emva kwezityholo zokunxila emsebenzini awazityatyekwa
ekuqaleni kwenyanga ephelileyo. Kwiveki ephelileyo ikomithi yoluleko
ibichophele umba kaThobejane – kodwa kuthiwa khange abonakale nangotshengele
ngemini yetyala. Lo nto inyanzele iBaroka FC ukuba ithathe isigqibo ngaye
ngokukhawuleza.

Le
ndedeba ekhunjulwa ngabalandeli bebhola xa isithi: “Hey, this football can kill
you”, ithi izithembile ukuba ingawufumana umsebenzi kwelinye iqela kwaPSL.
“Ndizakuwufumana omnye umsebenzi kwaPSL. Mna ndineSetifiketi esinguCAF B Licence
endisifumene kunyaka ophelileyo. Nokuba ndiqeshwe kweliphi inqanaba
akunamsebenzi kum. Zininzi izinto ezithethwa ngabantu – kodwa andinaxesha lazo
ezo zinto. Bonke abo bantu abanguye uKgoloko. Akukho nto etafileni okwangoku,
ndizihlelele ekhaya,” utshilo uThobejane kwiKickOff namhlanje.

Iingxelo
zithi le ndedeba izimisela ukubhena emva kokuba iBaroka igqibe kwelokuba
imgxothe. UThobejane uyiqale kakuhle le sizini kwaye neBaroka FC ikhe yachopha
phezulu kwiPSL ixesha elide. Indawo yakhe ithathwe nguMcDonald Makhubedu kude kuphele
isizini. Bakhona nabadlali abagxothiweyo yiBaroka abaquka u-Oscarine Masuluke ngenxa
yesiganeko sokunxila ekuthiwa senzeka emva kokubethwa
yiFree State
Stars.