Obeqeqesha oonozinti kwi-Orlando Pirates uhambile!

Andrew Sparkes, goalkeeper coach of Orlando Pirates before the Absa Premiership 2018/19 game between Black Leopards and Orlando Pirates at Peter Mokaba Stadium in Polokwane the on 28 August 2018 Kabelo Leputu/BackpagePix

Njengokuba
amaqela esathathe ikhefu emva kokuvalwa kwesizini, kwelinye icala abadlali
nabaqeqeshi abaphumlanga. Basemakethe kwiindawo ngeendawo – apho bakhangela
amadlelo aluhlaza. Indoda ebiqeqesha oonozinti kwi-Orlando Pirates, uAndrew
Sparkes, akasekho kuyo ngoku. USparkes, 34, ubhengeze ukuqhawuka komtshato
wakhe nePirates kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, izolo. Le ndodana yaseWales
yafika kwiBucs ekuqaleni kwesizini kunyaka ophelileyo isuka kwiqela
laseMangesini ekuthiwa uSwansea
City
edlala kwi-English
Premier Soccer League.

USparkes
usebenze noonozinti abafana noJackson Mabokgwane, uSiyabonga Mpontshane, uWayne
Sandilands noBrilliant Khuzwayo. Nakubeni umqeqeshi wePirates, uMilutin Sredojevic,
edlalise oonozinti abathathu, ngenxa yokungabikho kozinzo, kodwa into
encomekayo kukuba uSparkes uwenzile umahluko. Kwisizini egqithileyo, iPirates
ibilelinye lamaqela ekufakwe kuwo amagowuli ambalwa. Emidlalweni engamashumi
amathathu, kwiPirates kufakwe amagowuli angamashumi amabini anesine.

USparkes
uthe umka kwiBucs onelisekile watsho eyincoma njengelinye lamaqela amakhulu
kwizwekazi le-Afrika. “Ndibulela abaphathi beqela, abaqeqeshi, oonozinti
nabadlali ngokubanzi ngokundinika ithuba lokusebenzisana nabo. Ndiyinqwenelela
okuhle kodwa iPirates. Up The Bucs, Once and Always,” utshilo uSparkes
kuTwitter. Nangona imigudu yakhe uSparkes yenze umahluko – kodwa into
engakwazanga ukuyenza iPirates kukuphumelela indebe. Umdlali ohambileyo
kwiPirates nguMarshal Munetsi – obenethamsanqa lokuthengwa liqela laseFrance
ekuthiwa yiStade de Reims.