Ofuna ukuya ebaleni makagonywe, utsho uNkomonye!

UNksz. Fezeka Nkomonye ngumphathiswa weZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni. Umfanekiso: Uthunyelwe

URhulumente ufuna ukugoma abantu abangaphaya kwamashumi amane ezigidi zabantu ekupheleni kwalo nyaka. Inani labantu abagonyiweyo liphantsi kakhulu okwangoku. Ukuze uMzantsi Afrika usinde komnye umsinga weKhorona onokufunqula ukosulelana ngeKhorona nokubhubha kwabantu abaninzi, kufuneka kugonye abantu abakumakhulu amahlanu amawaka ngosuku olunye. Ngenxa yokucotha kwabantu, uRhulumente unike ithuba lokugonywa kwabantu abaqala kwiminyaka elishumi elinesibhozo ukuya phezulu kwatsho kwakho umahluko. Ngelizama ukwandisa inani labagonyiweyo, uRhulumente ucaba ukuvumela abantu emabaleni nakwiikhonsathi zomculo – kodwa into ithi kwakuvunyelwa abantu abagonyiweyo kuphela.

UMphathiswa weZemidlalo, uMnu. Nathi Mthethwa, uthe ukuze abantu bangene emabaleni, kufuneka bagonywe kuqala. Kumazwe aseYurophu, abalandeli bebhola bangena ngobunzi ngoba ugonyo sele likwiqondo eliphezulu. Inani labantu esele litofiwe lisukela izigidi ezilishumi elinesine eMzantsi Afrika. “Xa sinokugonywa sonke isizwe, lo nto ingasisondeza kubomi bethu besiqhelo. Ukuba sifuna ukubuyela emabaleni; yonke into isezandleni zethu. Sekulithuba sithetha nabantu, ngoku yonke into ixhomekeke kubo. Gonywa kuqala ukuba ufuna ukuya ebaleni,” utshilo uMthethwa kuphehlelelwa inkqubo yogonyo kwezemidlalo entlanganisweni ebiseFNB Stadium kwiveki ephelileyo.

Ukuba bayagonywa, abantu baseMpuma Koloni bangafumana ithuba lokubukela iChippa United okokuqala ukusukela ngo-2019. UMphathiswa weZemidlalo eMpuma Koloni, uNksz. Fezeka Nkomonye, waleke umsundulo ngelithi abantu mabaye kwiindawo zogonyo ukuze ilizwe likwazi ukuyoyisa iKhorona. “Kubalulekile ukubakhumbuza abantu ukuba iKhorona isaphila apha phakathi kwethu. Ndikhuthaza abantu ukuba bamagonywe ukuze bavunyelwe emabaleni njengoko uMphathiswa kazwelonke ethe kuza kuvulelwa abagonyiweyo emabaleni. Ukungabikho kwabalandeli emabaleni kuyayipholisa imidlalo. Mabagonywe abantu ukuze sibuyele kubomi bethu,” utshilo uNkomonye.