Umongameli weSafa, uDanny Jordaan, uchulumance kakhulu emva kwempumelelo ezuzwe nguMzantsi Afrika izolo. IBafana Bafana ivingcele iNigeria enkundleni yayo phambi kokuyibetha ngo’2-0 kumdlalo ohlakulela i-2019 Africa Cup of Nations obuseGodswill Akpabio Stadium ebusuku izolo. Ibikokokuqala uMzantsi Afrika ubetha iSuper Eagles emva kweminyaka elishumi elinesithathu. Ngethuba iBafana Bafana ibetha ilizwe laseNigeria ngo-2004, imikhala yayixhuzulwa nguStuart Baxter – kanti ke nayizolo ibikwanguye oze nempumelelo.
Kusoloko kukho ukuxhokonxana nomlo ongapheliyo phakathi kwabantu balamazwe mabini. Impumelelo yoMzantsi Afrika ibuyisa isithunzi selizwe nanjengoko ukoyisa iNigeria – esenobunganga kwibhola ekhatywayo kwizwekazi le-Afrika – iyinto enkulu. Akakwazanga ukulibamba uncumo uDanny Jordaan namhlanje ngethuba ethetha neentatheli eMonti.
“Aaah! Ibe yimpelaveki emnandi kakhulu le. Impumelelo esiyilinde iminyaka engaphaya kwamashumi amabini eminyaka ide yafika. Siyibethele kowayo iNigeria, sisiqalo esincomekayo kakhulu esi kwiqela lesizwe. Ndizakubamkela ngovuyo – kodwa okubalulekileyo kukuba sineqela elizithembayo ngoku. Simnqwenelela intlahla uStuart Baxter neqela lakhe kwimidlalo yokuzibekela indawo kwiFifa World Cup ka-2018 ne-2019
Lo kaJordaan ebephakathi kwezihandiba ebezizimase umdlalo wamagqibela kankqoyi we-ABC Motsepe obuphakathi kweqela laseKZN (Uthongathi FC) neSuper
“Iqela eliphumeleleyo ligoduka nesigidi serandi (R1-million) elizakuthi lilungislele ngayo inqanaba elingasentla. Kwakhona sithumela amaqela amabini kwiNFD, kwaye ukuba uyajonga amaqela aphuma apha (kwiMotsepe League), afana neBaroka FC,
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis