Oliphant: UThixo uzakusinceda kwiLeague

Lubabalo Oliphanti

Nangona izinto zingayihambeli kakuhle iChippa United kule sizini – kodwa abalandeli bayo bayixhasa ngokupheleleyo. I’solezwe lesiXhosa lincokole nomnye onethemba lokuba iChippa izakusinda ezembeni futhi iqhube kakuhle kwiNedbank Cup.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Molo Bhuti, kuhle unjani wena?

PM: Kuhle nakum. UBhuti lo ngubani kanye kanye?

Umlandeli: Igama lam ndinguLubabalo Oliphant. Ngokokuhlala ndilapha kwaNobuhle, eTinarha. Ndingumlandeli weChippa United.

PM: Kuhle ke Bhuti. Umtshato wakho neChippa United waqala nini?

Lubabalo Oliphant: HeyLe nto yaqala ngo’2013, ngoko ndandingumlandeli weKaizer Chiefs. Ndandimane ndisiya ebaleni ndiyokubukela iChippa, ngo’2014 ndadibana noKhayalethu Tu – uyinkokheli yabalandeli kule ndawo yethu. Wandibhalisa njengomlandeli weChippa. Ndalibala ngeChiefs, ngoku ndiyiChippa qha.

PM: Yintoni ongasoze uyilibale ngeMamelodi Sundowns?

LO: EyiiiEmva kokuba iChippa United yabuyela kwiPSL ngo’2010, ukufumana indawo yesithandathu kwisizini ephelileyo yeyona nto endingasoze ndiyilibale. Nokubethwa yiMamelodi Sundowns kumdlalo weMTN 8 yenye yezinto eyandikhathazayo. Ndandisebaleni nomhlobo wam sivuma ingoma ethi: “Khawuvume moya wam. Kodwa sabethwa ekugqibeleni.

PM: IChippa United iqhuba kakuhle kwiNedbank kubi kodwa kwiPSL, uthini ngalo nto?

LO: Yeyi.Siqhuba kakuhle kwiNedbank Cup, siyazidla ngalo nto. Besingaqhubi kakuhle ngaphambili – kodwa ukufika kukaDan Malesela kuzitshintshile izinto. Siyaya eThekwini. Kuhle ngoba sidlalela ekhaya kumdlalo ozayo, kunyanzelekile siyibethe iSuperSport United kulo mdlalo. UThixo uzakusinceda kwiPremier League, ndinalo ithemba; izinto ziza kuguquka kule midlalo izayo.

PM: Ngubani umdlali omthandayo?

LO: NguBongani Kama. Waqala ukudlala ibhola apha phambi kwam eTinarha. Ukhule edlala kwiindawo zaseTinarha, ndimazi kakhulu.