Ukuba unomnqweno wokuba ngumsompempe emidlalweni yebhola ekhatywayo – kodwa awazi ukuba mawuqale phi ukuze kufezeke iphupha lakho, ikhona impendulo namhlanje. Umbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSouth African Football Assciation [Safa], inephulo elitsha lokuvumbulula italente eMzantsi Afrika unethemba lokufumana kulo oosompempe abaza kuphatha imidlalo kwinqanaba eliphezulu ngenye imini.
Oku kuvezwe nguMnu. Victor Gomes onguSihlalo wekimiti ejongene noosompempe kwiSafa. ‘Sikhangela abantu abatsha abanomdla wokuba ngoosompempe bemidlalo. Bonke abanomdla bangathumela izicelo koonobhala beSafa emaphondweni. Sizimisele ukufumana oosompempe abanezakhono kwezi nyanga zizayo,’ utshilo uGomes. Ngumbutho olawula ibhola, iSafa, kuphela onelungelo lokuqeqesha lokunika umntu isetifiketi sokuba ngusompempe eMzantsi Afrika.
Liphulo lokuqala phantsi kukaGomes obuye kwitumente yehlabathi [2022 FIFA World Cup] ebiseQatar kunyaka ophelileyo wabeka phantsi emva kweminyaka eliqela engusompempe oqaqambileyo kwiPSL, CAF nakwiFIFA. UMzantsi Afrika uzenzele igama ebholeni ekhatywayo jikelele ngovelisa oosompempe abakwinqanaba lehlabathi. Phakathi kwabo kungabalulwa uVictor Gomes, uDaniel Bennet, uJerome Damon, Andile ‘Ace’ Ncobo, Akhona Makalima noVictor Hlungwani.
Umntu onomdla angabhalela unobhala weSafa kwiphondo akulo. Iinkcukacha nazi ngezantsi;
Eastern Cape: Sikelela Mtangayi: peo.ecp@safa.net
Free State: Ms Mosa Dladla: peo.fs@safa,.net
Gauteng: Victor Raletjena: victor.raletjena@safa.net
KZN: Ms Nomkhosi Zulu: peo.kzn@safa.net
Limpopo: Ms Refiloe Khoza: peo.lp@safa.net
Mpumalanga: Bevan Mahlangu: bevan.mahlangu@safa.net
Northern Cape: Willem Coetzee: willem.coetzee@safa.net
North West: Tebatjo Matsi: peo.nc@safa.net
Western Cape: Ms Nadia Konstabel: peo.wc@safa.net
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?