Osisi baxhasa imidlalo yamahashe ngengoma

Iintokazi ezivathe isinxibo sakwaNtu beziyinxalenye yamahashi eLuthuthu. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Ngenxa yokongamela kwamadoda emdlalweni nje ngokubanzi kuquka nalo wamahashe, omnye umntu angacinga ukuba ayikho indawo okanye indima enokudlalwa ngabantu ababhinqileyo.

Kanti ke akunjalo, eli phephandaba labantu beliyinxalenye yomdyarho wamahashe ngoMgqibelo emini obubanjelwe kwilali yaseLuthuthu kude-kufuphi nedolophu yaseMthatha – apho bekukho osisi abaliqela abayithandayo imidlalo nolonwabo oluhamba namahashe.

Ezinye zezinto ezibukelekayo kakhulu ngumxhentso nesinxibo sesiNtu esivathwa ngomhla womsitho wamahashe.

I’solezwe lincokole neentokazi ezinthathu eziphuma kwiilali ezahlukeneyo, injongo ibikukufumana eyona nto ibangena zinamathele kulo mdlalo ugcwele amadoda.

Bonke babalule uthando abanalo kulo mdlalo nemfundiso ngokuziphatha kule mibutho yabantu bamahashe.

UNomava Phikeleni welali yakuKaplane uthethe nathi wenjenje: “Mna eyona nto ndiyithandayo kule misitho sisinxibo sesiNtu. Esi sinxibo sindikhumbuza imvelaphi yam. Thina lutsha asizazi tu apho sisuka khona futhi asazi nalapho siyakhona.”

Phambi kokuphaliswa kwamahashe kuqale kutshayelelwe ngengoma ekhokelwa ziintokazi ezinxibe kakuhle.

UNikelwa Valelo waseMpeko (Cicirha), uthe: “Apha sikhunjuzwa apho sivela khona. Ukuza kwethu ke kule misitho kuyasinceda ngoba siyaphoswa zizinto ezingendawo. Siyahlonitshwa ke apha futhi sinikwa nembeko esifaneleyo ngengamanenekazi. Kule mibutho ininzi kakhulu ingqeqesho; nalowo imphosileyo kokwabo – uyayifumana apha.”

Mna ndinguYonela Tom, ndisuka kwaKaplane kodwa ndiphuma eNgqeleni. “Ndiwathanda la mahashe ngoba kukho imfundiso kakhulu apha kuwo. Apha umntu akabizwa noba kukanjani na. Wonke umntu unendawo yakhe. Enye into endiyithandayo kakhulu ngumxhentso. Njengokuba sikhula singazinto nje kwesi sizukulwana sethu; apha siyafundiswa ngobuntu bethu,” utshilo uTom.

Ayipheleli emahashini kuphela le ntlangano; kukho imigalelo eyenziwayo ngelizama ukunikana inkxaso abantu abangamalungu njengokuba intswelo-ngqesho iphezulu kweli lizwe. Maxa wambi osisi baye bakhuphisane ngesinxibo aze lowo ugqwesileyo kubekho into ayifumanayo.