OwaseTinarha ufuna ukuya eYurophu

USithembiso Befile waseTinarha ufuna ukudlala eYurophu ukuze aguqule ubomi bakhe.

Indodana yaseTinarha enekamva, esaze ngobuso ezweni, inomnqweno wokudlala umbhoxo kwizwekazi laseYurophu.

USithembiso Befile, 21, owaqala ukudlala umbhoxo eneshumi elinambini leminyaka esikolweni, uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba unenjongo yokudlala eYurophu ngenxa yokuncipha kwamathuba okuqatshelwa ngamaqela adlala umbhoxo kumgangatho ophezulu eMzantsi Afrika.

Le ndedeba yakwaBefile yayidlala nje ekuqaleni kwayo kodwa amehlo wayo avuleka mhla uThando Manana notitshala wayo bayixelela okokuba unesiphiwo sokudlala kwaye inekamva eliqaqambileyo embhoxweni.

UBefile ukhe wangumdlali weProgress eziintshatsheli ze-Eastern Cape Super 14 emva kokubuya kwakhe eNew Zealand apho ebedlalela khona iqela ekuthiwa yiNgongotaha ezinze kwidolophu yaseRotorua enembali etyebileyo yombhoxo.

“Ndabonwa nguManana kwitumente ye-Eastern Province ekwakuchongwa kuyo abadlali abaza kudlala kwiCurrie Cup (Under-19) ngo2017. Ndandizazi ukuba ndingumdlali onesiphiwo kakhulu kodwa ndaqonda kwantlandlolo ukuba ukuzimisela kuza kundibeka endaweni ebhetele,” utshilo uBefile odlala njengehuka.

Ukungaqhubi kakuhle kwamaqela ombhoxo afana neSouthern Kings neBorder Bulldogs kunyanzela abadlali baseMpuma Koloni bathi sa okwamantshontsho entaka.

Yiyo lo nto kubalulekile kuBefile ukuya eYurophu ngoba ufuna ukwenza ubomi bakhe bube ngcono. Ikhona into ayizamayo anethemba lokuba iza kucaca ungaphelanga lo nyaka.

“Ndifuna ukubonisa abanye abantwana abamnyama okokuba ingenzeka into abayifunayo ebomini babo. Ukuya kwam eYurophu yinto enkulu kakhulu futhi ndizithembile, ndiza kuqhuba kakuhle xa ndilifumana ithuba.

“Ndifuna ukuphucula ubomi bam. Ngemali endakuthi ndiyiqokelele phaya, ndifuna ukuzithengela izinto zam futhi ndibe nomzi wam. Zizinto ezisengqondweni yam ngoku ezo,” utshilo uBefile.

Ebuzwa ngokushiya iNew Zealand, uBefile uthe: “Abadlali abafumana imivuzo ngabadlala kwiSuper Rugby qha eNew Zealand. Abanye bafumana nje izinto zokudlala babhatalelwe nendawo yokuhlala.”

UBefile uvale ngelithi angavuya ukuba angalifumana ithuba lokudlalela amaqela amakhulu eMzantsi Afrika.