Owayedlalela iKaizer Chiefs unomnqweno wokudlala ibhola ekhatywayo kwakhona!

Wiseman Meyiwa of Kaizer Chiefs during the 2017/18 Absa Premiership football match between Orlando Pirates and Kaizer Chiefs at Soccer City, Soweto on 03 March 2018 ©Gavin Barker/BackpagePix

UWiseman
Meyiwa unomnqweno wokubuyela ebholeni kwakhona. Le dyongwana yaKwaZulu-Natal,
yabeka phantsi ebholeni ekhatywayo ekuqaleni kwalo nyaka emva kokubandakanyeka
engozini yemoto kunyaka ophelileyo. UMeyiwa, 19, owazalelwa ePetermaritzburg,
ebengumdlali weKaizer Chiefs othembisayo kakhulu emva kokuzenzela igama phantsi
kwesandla sikaSteve Komphela. Ikhono lakhe lokudlala ibhola ekhatywayo
linqanyulwe lisaqala ukuntshula yingozi yemoto kwaye oogqirha bathi ngeke
aphinde akwazi ukudlala ibhola. Nangani ehamba ngesitulo esinamavili – kodwa
uMeyiwa unethemba lommangaliso oyakuthi ufezekise umnqweno wakhe wokudla ibhola
kwakhona ebomini bakhe.

“Ndiya
kukhumbula ukwenza eyona nto endiyithandayo ebaleni,” utshilo uMeyiwa kuTwitter
ecaphula encwadini yezibhalo ezingcwele. UMeyiwa uphazanyiswe yingozi ebomini
bakhe emva kokudlala ixesha elifutshane kwiChiefs emncedileyo ukuze afumane
ithuba lokudlalela Amajita kwiitumente ezifana ne-Under 20 Africa Cup of
Nations neFifa Under-20 World Cup kunyaka ophelileyo. Into eyehlela uWiseman
Meyiwa yabonwa njengelahleko enkulu ebholeni ekhatywayo ngoba ebengumdlali
onekamva eliqaqambileyo kakhulu.