Owayeqeqesha iPirates uvele enkundleni ngenxa yesityholo sesincwaso

Owayefudula engumqeqeshi we-Orlando Pirates ukhutshwe ngebheyile yamawaka alishumi eerandi (R10 000) enkundleni yaseNew Brighton, eBhayi. Ingxelo ekutshwe ngumbutho olawula ibhola eZambia ithe uMilutin “Micho” Sredojevic uvele enkundleni ngenxa yesityholo sesincwaso. Kuthiwa inenekazi laseBhayi, 39, (elingabizwanga igama lalo) elisebenza kwivenkile ethile lacelwa ukuba lizise ikofu nguSredojevic (awayeyithengile) ngethuba kudlalwa imidlalo yeCOSAFA kutshanje eWolfson Stadium.

Inenekazi kuthiwa lambuza uMicho okokuba iyavakala na iswekile. Kuthiwa uMicho wathi hayi, ayivakali watsho ekhomba kwilungu lobuntombi. Inenekazi liye laxela kumphathi walo oye wamtyityimbisela umnwe uMicho. Kuthiwa liye lasa ikofu kwakhona inenekazi, uMicho walicofacofa ezimpundu.

Kunyaka ophelileyo, uSredojevic wabeka phantsi njengomqeqeshi wePirates engabhungisanga. Wayokuqeqesha iZamalek yaseYiphutha, emva kwakhe kwavela iingxelo ezithi ibalekile ngenxa yezityholo zesondo ezenziwa lelinye inenekazi. Esi sisiganeko sesibini esichaphazela yena apha eMzantsi Afrika. UMicho ebelapha eMzantsi Afrika kwiinyanga ezigqithile neZambia angumqeqeshi wayo eyayizokudlala noMzantsi Afrika umdlalo wobuhlobo.

Wahamba kwiPirates kunyaka ophelileyo emva kweesizini ezimbini engafumenanga nto – kodwa eyiphucule kakhulu kunento ewayefike iyiyo. Indawo yakhe yathathwa nguRulani Mokwena owasuswa kwangena uJosef Zinnbauer waseJamani endaweni yakhe. Uza kuvela enkundleni kwakhona ngomhla wamashumi amabini anesihlanu wenyanga yesibini kunyaka ozayo (25-02-2021).