Patrick Mayo: Kuyichanile iChippa ukuhamba kukaDaniel Akpeyi

Daniel Akpeyi and Frederic Nsabiyumva of Chippa United watch a near miss by Themba Zwane of Mamelodi Sundowns during the 2019 Nedbank Cup match between Chippa United and Mamelodi Sundowns at the Nelson Mandela Bay Stadium,Port Elizabeth on the 26 January 2019 ©Deryck Foster/BackpagePix

Owayefudula
engumdlali weSuperSport United neKaizer Chiefs, uPatrick Mayo, ukholelwa
kwelokuba abadlali beChippa United kufuneka bakhuphe amandla wabo wonke ukuze
lisinde ezembeni iqela labo. Nangoba bekukhe kwakho umahluko kwicala leziphumo
emva kokugaleleka kukaClinton Larsen owangena endaweni kaJoel Masutha ekuqaleni
konyaka – kodwa iphinde yasengxakini kwakhona. Kwiveki ephelileyo, iChippa
United ibethwe ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni we-Absa Premier
Soccer League eqale yahamba phambili kuwo ngo’2-0 eThohoyandou Stadium. Ukuba
ibiphumelele iChippa, lo nto ibiyakuyinika ithuba lokuphefumla namandla
okuqhubela phambili. Kodwa ke isekhona intlantsi yethemba emva kokuba
iMaritzburg United esekugqibeleni ibethwe yiChiefs emidlalweni ellandelelanayo.

“Kufuneka
baqinise umqolo abadlali beChippa kwimidlalo ezayo. Isigaba sesibini sesizini
sisoloko sinzima ngoba amaqela asoloko ezama ukucutha iimpazamo xa edlala.
Amanye wawo alwela ukusinda ezembeni ekuxatyelwa ngalo iqela elisekugqibeleni.
Akululanga ukufumana amanqaku. Enye yezinto ezisokolisa iChippa United kukuba
ayikwazi ukuqokelela amanqaku emidlalweni ekude nekhaya,” utshilo uMayo
encokola neli phephanda. UMayo uthi ukuthengiswa kukaDaniel Akpeyi kwashiya
isithuba esikhulu emva kwaye lo nto iyayisokolisa iChippa. Kwiveki ephelileyo,
uMusonda ubhakuzelise umnatha izihlandlo ezithathu zonke abadlali beChippa
bekhona emdlalweni ophunyelelwe yiBlack Leopards ngo’3-2.

UMayo uthi
ingxaki yeChippa ikhona naphaya phambili ngoba amathuba adalwa emdlalweni
akasetyenziswa kakuhle konke konke ziifolosi. Uthe ukuhamba kukaDaniel Akpeyi
kuyichanile iChippa emva ngoba ngoyena mdlali obekwazi ukubaqoqosha abadlali.
“Okokuqala, iChippa United inengxaki phaya phambili. Ayadalwa amathuba – kodwa
iifolosi azikwazi ukuwasebenzisa. Ukuhamba kukaDaniel Akpeyi kushiye isithuba
esikhulu phaya emva. Akusekho mntu okwaziyo ukuqoqosha abadlali basemva ngoba
lo ukhoyo unozinti akakwazi ukuyenza lo nto. Abadlali basemva benza iimpazamo
ezininzi ngoba akukho mntu obanqwanqwadayo. Kwahamba umntu owayenamava futhi
ekwazi ukukabonisa indlela abadlali,” utshilo uMayo.

IChippa
United iza kulwela amanqaku amathathu xa idibana neHighlands Park emdlalweni
we-Absa Premier Soccer League ozakube useNelson Mandela Bay Stadium ngomso
(Lwesihlanu) ngentsimbi yesibhozo ebusuku. Umdlalo uza kubanzima kakhulu ngoba
iHighlands iza izithembile emva kokubetha iBaroka FC ngo’2-1 emdlalweni
obukwiveki ephelileyo.