Umdlali weSuperSport United ophambili, uThuso Phala, akawuvali umlomo ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe ngoogxa bakhe.
Amatsatsantsa A Pitori adlulela kumdlalo phambi kowamagqibela kankqoyi emva kokubuya ngasemva kumdlalo weNedbank Cup awuphumelele ngo’2-1 ebetha iMpumalanga Black Aces eLucas Moripe Stadium ngokuhlwa ngoLwesihlanu.
Eli qela likaStuart Baxter lizibhaqe lihamba emva emva kokuba iBlack Aces ingcangcazelise umnatha emva kwebhola efakwe nguJudas Moseamedi kwimizuzu emihlanu yokuqala yomdlalo.
Kodwa iifolosi aqine ngazo uBaxter: uJeremy Brockie noBradley Grobler ngabo abaqinisekise ukuba iSuperSport United idlulela kumjikelo olandelayo.
UPhala uqhwabele oogxa bakhe izandla ngokubonisa ubukroti kula mdlalo. “Umdlalo ubunzima kakhulu, ngakumbi ngoba besilandela ngasemva.
Kodwa ke mandincome oogxa bam ngokuzimisela. Ndinethemba lokuba sakudlala olu hlobo kude kubesekugqibeleni, utshilo uPhala esamkelaa iwonga lokuba ngumdlali oqaqambileyo.
Njengokuba isizini le iqhubayo ingakhange ibentle kwiSuperSport, le ndedeba ithi, ukuphumelela le ndebe yeNedbank kungabaxolisa bengabadlali.
“Isizini yenu khange ibentle, ukuyiphumelela le ndebe nokuvala isizini siphakathi kwamaqela asibhozo aphambili kwiPSL kungasihlangula ehlazweni.
Kungangcono kakhulu, yinto esiyinqwenelayo leyo, ndiyathemba sokwenza njalo,” utshilo uPhala.
Izinto azimhambelanga kakuhle uBaxter ekufikeni kwakhe kweli qela lasePitoli, kodwa ngoku liyaswabuluka, kwaye nendawo elikuyo iphucukile emva kokubetha iChippa United nePlatinum Stars imidlalo ilandelelana.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates