Phambili ngeenguqu ezixhamlisa iimbethi manqindi

Kwiveki esiphuma kuyo umbutho wamanqindi ongahlawulwayo ububuthelene kwidolophu yaseWelkom kwiphondo laseFree State, kwintlanganiso yokuvala izikhewu zobunkokheli zikazwe lonke kulo mbutho.

Nangona ndingazongena kwingxam nomxholo wezinto ebeziphicothwa kule ntlanganiso, kodwa ndingaqoma nje ezimbalwa ezinobuzaza kwimeko egqubayo kweli lizwe.

Abathunywa abebephuma kuwo onke amaphondo eli lizwe, bexubile ngokwebala nangona amaNdiya engabonakali nangetshengele.

Ngaphandle kovalo zikhewu kulo mbutho, indawo ibibanjelwe kuyo le ntlanganiso, kunye nengcingane ibisetyezwa yendaba yotshintsho nenguqu (transformation) ibiyenye inyubelele, iqhekeza iintloko zabathunywa, kungekho ufuna ukuphimisela.

Eyona nto ke mna endingafuni ukuba isetyezwe yile kanye yotshintsho, nangona iyimeko enobuzaza eMzantsi Afrika. Bambi bayibetha ngoyaba njenge- ndaba yakwaMkhozi, bambi abayazi kakuhle ukuba imele ukuba yintoni na.

Eneneni ke luyintoni utshintsho lwezemidlalo? Kutshanje uMphathiswa kaZwelonke wezemidlalo, uFikile Mbalula, unqumamise imibutho yezemidlalo (yombhoxo, iqakamba kunye neyembaleki) ukuba isindleke imidlalo yamazwe ngamazwe ngenxa yokungabinantshukumo kutshintsho neenguqu.

Ingaba umbutho wamanqindi wona unyulu ngokwaneleyo kokufunwa ziinguqu notshintsho kusini na?

Iindlela abanye abakhokele imibutho yemidlalo abalithatha ngayo eli khwelo lwenguqu, iyoyikisa kakhulu, bacinga ukuba ukufakwa nokulinganiswa kwebala kwimidlalo yeyona nguqu.

Le ke indlela yokucinga ingangumbathalala onzima kwinjongo yenguqu kweli. Kufuneka ke siqale sizibuze ukuba bekutheni ze sibelapha sithethe ngalo mba sisisizwe.

Urhulumente wobandlululo ebesebenzisa imali yabarhafi beli ukuphucula igcuntswana labamhlophe elilishumi ekhulwini labemi beli.

Kwaqinisekiswa ukuba abamnyama nabasetyhini bavalelwa ngaphandle kwizikhungo zokulawula, iindawo zabo zokudlala azisiwa so, le meko ibangele ukuba singakhuphi badlali bodidi.

Le nguqu nolu tshintsho lugxile ekubeni ngumhlonyane koku ndikukhankanye ngentla.

Ukulinganiswa kwebala kuyafuneka kulo mdlalo kodwa makungabekwa entloko kuba eyona nto isentloko kukuphucula iimeko zokudlala zeembethi manqindi ebezisoloko zityeshelwa nokuphuculwa kweendawo zokuzilolonga zeembethi manqindi. Kulungile ke ukuba siqale siqubisane nezikhubekiso nokuba ziyalumeza na.

Abona baxhasi bamanqindi ngabamnyama nabasezilokishini, abawa bevuka nezi mbethi manqindi zethu, kungoko kufuneka xa kukho into eliqhekeza elikhoyo kufuneka babonelelwe. Amaqhekeza endithetha ngawo ziimpahla zokunxiba nokudlala, iindawo zokulala nokutya, kunye neendawo zokubamba iintlanganiso ezisemgangathweni.

Ukunika abamnyama la maqhekeza kwakuthetha ukuba kwixeshana nje abamnyama nabo bakukwazi ukusisindleka ezilokishini kwiindawo zikanokutsho.

Kungakuhle iintlanganiso ezinkulu ezilandelayo zombutho wamanqindi zingabanjelwa kwiindawo ezinjengooSoweto, Khayelitsha, Ngangelizwe, Mlazi nezinye iilokishi zeli lizwe.

Xa sigqiba iminyaka engamashumi amabini anesihlanu singumbutho omnye kweli lizwe kufuneka sizibuze ukuba mqela mni na esesiwenzile kwinguqu notshintsho.

Ingaba sindawoni ekuguquleni iimeko zeembethi manqindi, amagosa nabantu abebecinezelwe kulo mdlalo. Akukabi sebusuku ke ukuba asinokuyihamba le ndlela, kufuneka kuqala sisuse into yokufuna ukulinganisa ibala kulo mdlalo njengeyona njongo ephambili.

Phambili ngenguqu notshintsho ezizakuxhamlisa zisondeze abo bebevalelwe ngaphandle kumaqithiqithi ezemidlalo.