Phumlani Blauw: Siza kufela kwela bala!

Amaqela ombhoxo ebehlangene kutshanje eBuffalo City Stadium. Umfanekiso: Engilane

Ukapteni weqela lombhoxo laseWalter Sisulu University,
uPhumlani Blauw, ufunge wamunca iintupha ngelithi baza kudlalela ukuqhawuka
imilenze kumdlalo wamagqibela kankqoyi weVarsity Shield. Le ndedeba ukuthethe
oku emva kokuba  iWSU ibethe i-University
of KwaZulu Natal
ngo’30-21 kumdlalo owandulela owamagqibela ka nkqoyi eBaffulo City Stadium
ekuqaleni kwale veki. IWalter Sisulu University
iza kungquzulana ne-University of Western Cape kumdlalo
wokugqibela eKapa ngomhla wesithoba kwekaTshazimpunzi.

Lityeli lesine la maqela
edibana kule tumente – kodwa iWSU zange yaphumelela nomnye umdlalo. UBlauw uthi
bazimisele ukothusa umzi ngala mhla. “Sakufela kwelabala! Siza kuzijula ijacu. Sizimisele
ukuyiphumelela le ndebe,” utshilo okaBlauw.

Umqeshi weWSU, uMnumzana uSipho Metula, uthe
kuyamchulumancisa ukufikelela kumdlalo wamagqibela kankqoyi, nangona kukuninzi
ekufuneka kulungisiwe. “Kuyachulumancisa ukuba kweli nqanaba kodwa kuninzi
okufuneka sikulungisile,” uMetula.

Okuncomekayo iWSU ivale ikwindawo
yesibini kwiVarsity Shield, nto leyo ethetha ukuthi iza kudlala umdlalo wokulwela
indawo kwiVarsity Cup. Ngomhla weshumi elinethoba kuTshazimpuzi iWSU iza kunyathelana
neCentral University
of Technology
evale
ikwindawo yesibini emsileni.

UBlauw uthi ngowona
mdlalo obaluleke kakhulu ezimbalini zeWalter Sisulu. “Siza kuzinikela
kangangoko sinako kumdlalo wokulwela indawo kwiVarsity Cup ngoba ngowona mdlalo
wakhe wabaluleka ezimbalini zethu,” utshilo uBlauw.

Yona i-University of Western Cape
inyukela phezulu njengeqela
elitshatsheleyo kwiVasity Shield. IMadibaz yaseBhayi yehlela kwiVarsity Shield
emva kokubamba umsila kwiVarsity Cup.