Phumlani Mkolo: ISwallows ikukhuthalele ukuphuhlisa abadlali abamnyama!

Umongameli weBorder Rugby, umnumzana Phumlani Mkolo, uyiqhwabele izandla iSwallows yaseMdantsane. ISwallows ibethe iGardens zaseTinarha kumdlalo owandulela amagqibela kankqoyi wetumente yeSuper 12 ngo‘34-10 ngenjikalanga eBuffalo City Stadium izolo. Ibikokuqala idlala kumdlalo owandulela amagqibela kankqoyi iSwallows, kodwa ukudlala kakuhle kwabadlali bayo baphambili bencediswa linqina lomdlai wasemva u-Aphiwe Stemele, kwenze awabonakala amava eGardens ebizintshatsheli ezikhuselayo esele ziyiphumelela izihlandlo ezine le tumente. Siphele ikhokele ngamanqaku alishumi elinesine kwamathathu iSwallows isiqingatha somdlalo. Ibuye kakubi iGardens kwisiqingatha sesibini ilala emgceni, ijika amatyeli ngamatyeli seziwubona umgca. Isankxwe esenziwe ngabalandeli beSwallows sibakhuthazile abadlali, baquqe bebuyelela emgceni. ISwallows ilele emgceni amatyeli amane kulo mdlalo, yona iGardens ilele kanye kuphela.

Umongameli wombhoxo kummandla weBorder, uMnumzana Phumlani Mkolo, ulincomile eli qela emva kwale mpumelelo. “Ndiyazingca ngeliqela, lidlale kakhulu kulemidlalo.Intle into abayenzileyo,”, utshilo uMkolo.

OkaMkolo uyincomile nendima eyenziwe yiSwallows ekuphuhliseni abadlali bebala: “ISwallows liqela elikhethekileyo ngoba likukhuthalele ukuphuhlisa abadlali abamnyama.” Umqeqeshi weSwallows, uThando Khebe, uthi uchulumancile yindlela abadlale ngayo abadlali bakhe. “Badlale kakuhle abadlali beqela lam namhlanje. Ndichulumance kakhulu yindlela abadlale ngayo”, itshilo le ndedeba izolo.

ISwallows iza kuvana amandla neqela laseBhayi, iHarlequins, kumdlalo wamagqibelakankqoyi kuMgqibelo ozayo ngentsimbi yesithathu emva kwemini. Umnzumzana Mkolo ubabongozile abalandeli bombhoxo ukuba baphume ngobuninzi babo. “Wonke umntu ongumlandeli wombhoxo sicela azokuxhasa iSwallows. Liqela lethu sonke eli,” uvale ngalo mazwi uMkolo.