Pirates: UKjell Jonevret ugxeleshe indawo kwiTop 8

Njengokuba isizini ye-Absa Premier Soccer League isondela ekupheleni kwayo, ukhuphiswano phakathi kwamaqela luya lubanzima kakhulu.

Amanye alwela ukufumana iindawo eziphezulu, amanye afuna ukuba kwiTop 8 logama amanye ebaleka ukuthotyiselwa kwinqanaba elingasezantsi.

Yena umqeqeshi we-Orlando Pirates, uKjell Jonevret, ugxeleshe indawo kwiTop 8. Emva kokuba iPirates ithe yazibekela indawo kumjikelo ophambi kwamagqibela kankqoyi weNedbank Cup, uJonevret ucinga lo nto ukuba ingalinceda iqela lakhe kwiinzame zalo zokuvala isizini kwindawo endilisekileyo.

IBucs ibethe iBloemfontein Celtic ngo’2-1 kumdlalo obuse-Orlando Stadium. Ngenxa yokuxinana kwemidlalo, iiSea-Robbers, kufuneka zihoye imidlalo yePSL ezingaqhubi kakuhle kuyo. Nangona umqeqeshi ebesenaso isikrokro emva komdlalo odlulileyo – kodwa uzamkele iziphumo.

“Ndicinga ukuba abadlali bebekufuna ukuwuphumelela lo mdlalo nangona bekukhona nje ukoyika kubo. Kuhle ngoba ukuhlala kwiNedbank kukona kubalulekileyo. Ayindonwabisanga ngokupheleleyo indlela esidlale ngayo – ndiyakuvuyela kodwa ukuhlala kolu khuphiswano,” utshilo uJonevret.

Amabhaka-bhaka ahleli kwindawo yethoba kwiPSL, ukuze angene kwiTop 8 kunyanzelekile aqokelele amanqaku kweli qaqobana lemidlalo eshiyekileyo.

Lo msebenzi uzakuqala ngoLwesithathu xa iBucs isamkela iBaroka FC kumdlalo wePSL ngo’19:30 e-Orlando Stadium. Yona iBaroka ikhangela amanqaku ukuze isinde ezembeni.

Ukusukela oko kwasungulwa iPSL, iPirates zange yavala isizini ingaphandle kwiTop 8 ukusukela ngo’96.

Umqeqeshi uzimisele ukuyikhusela loo mbali nangona efike kwiqela elitsala nzima. “Ugqatso lunzima ngoba umahluko awukho mkhulu kumaqela aphezulu nasezantsi.

Onke asezantsi azama ukusinda ezembeni. Kusezakuba nzima – kodwa ndiqinisekile emva kwendlela esidlale ngayo neCeltic; kuse zodlalwa,” utshilo uJonevret.

Nayo iChippa United engaqhubi kakuhle kwiPSL idlala nePirates ngo’20:15 e-Orlando Stadium ngoMgqibelo. Ngumdlalo onzima lowo ngoba omabini azakube edlalela ukunyukela ngasentla kwiPSL.

Imidlalo yePSL

NgoLwesithathu: Platinum Stars vs Free State Stars @Moruleng Stadium 19:30

NgoLwesihlanu: Golden Arrows vs Mamelodi Sundowns @Prince Magogo Stadium 20:00; Highlands Park vs Bidvest Wits @Makhulong Stadium 20:00

NgoMgqibelo: Free State Stars vs Polokwane City @Goble Park 15:00; SuperSport United vs Kaizer Chiefs @Mbombela Stadium 18:00

NgeCawe: Ajax Cape Town vs Platinum Stars @Cape Town Stadium 15:00; Baroka FC vs Bloemfontein Celtic @New Peter Mokaba Stadium 15:00