Pitso Mosimane: Siyilambene indebe ye-Afrika

Kulindeleke ukuba iMamelodi Sundowns idlale owona mdlalo unzima xa isamkela iZamalek kumdlalo weCaf Champions League eLucas Moripe Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo – kodwa umqeqeshi uPitso Mosimane akazimiselanga kuyitshintsha indlela elidlala ngayo iqela lakhe.

UJingles uxelele iintatheli ekuqaleni kwale veki ukuba uzakusebenzisa indlela yakhe yesiqhelo awabetha ngayo iZamalek ngaphambili kolu khuphiswano.

“Sifuna ukudlala ngendlela esabetha ngayo iChickens Inn, Zesco FC, AS Vita ne-AC Leopards. Ngeke ayitshintshe naye umqeqeshi weZamalek – abaqeqeshi abakhulu abazenzi izinto ezingafaka engxakini,” utshilo uPitso.

Lo mqeqeshi uthi akakukhalazeli ukunqaba kwabalandeli balapha ekhaya kule midlalo.

“Abalandeli bethu zange baya kwelinye ilizwe beyoxhasa iqela labo. Ukubuya kwethu kwibhola yomhlaba sazuza indebe ye-Afrika singazi ukubaluleka kwayo. Into esingazange siyenze kukufundisa abantu ngokubaluleka kwemidlalo yezwekazi le-Afrika. Thina ne-Orlando Pirates kufuneka sibuyele e-Afrika silole izixhobo zethu,” utshilo uPitso.

“IBidvest Wits ibiyilambele iMTN 8 xa ujonga indlela elwe ngayo. UGavin Hunt kufuneka afumane indebe njengokuba noSteve Komphela kufuneka afumane eyakhe. Kodwa sithetha ngeChampionship ngoku. Okubalulekileyo yi-Absa Premiership neChampions League. Ungabuza iReal Madrid neBarcelona, bafuna ezi zombini,” utshilo uJingles.

Kulo mdlalo iSundowns izalwela impumelelo ukuze ithi isiya kumlenze wesibini weChampions League kwilizwe laseYiphutha ube umsebenzi ucalanye.

Soze ibelula lo nto ngoba iZamalek liqela elikhulu futhi elinamava ngaphezulu kune Sundowns kwimidlalo efana nale.