Pitso: Wonke umntu uzonikwa ithuba

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns wamkele abadlali abaliqela abangaqhelanga kufumana ixesha eloneleyo lokudlala kumdlalo obungoLwesibini.

IDowns ivuthulule iChippa United ngo’3-0 kumdlalo wePremier Soccer League obubanjelwe eLucas Moripe Stadium. Iqela ebelidlalela ekhaya khange lisokole kulo mdlalo ngoba beliphiwa okwenduku yomquma ngabadlali beChippa United.

Phantse kuzo zozibini izigaba, iSundowns ibizilawula kwaye iqinisekisile ukuba iwafumana onke amanqaku ewafunayo. Kukulo mdlalo apho uPitso enze ubukrelekrele ngokuthi anike ithuba abadlali abangaqhelanga kudlala ngelilungiselela imihla apho anokuthi aphazanyiswe kukonzakala.

Amagowuli kulo mdlalo afakwe nguKhama Billiat, uLeonardo Castro noTeko Modise.

Kuthe emva kokufumana la magowuli umqeqeshi wafumana ithuba lokuphumza abadlali abafana noBilliat noKeagan Dolly, kwiindawo zabo kwangena uLebohang Mokoena, uTiyani Mabunda nabanye abaqale umdlalo abafana no-Asavela Mbekile, Themba Zwane nabanye. “

Besingenalusini kwisiqingatha sokuqala,” utshilo uPitso emva komdlalo. “Abanye babadlali bebenengxaki. Kuye kwanyanzeleka ukuba sikhusele uCastro, uKhama noKeagan, abona badlali bethu bababalulekileyo.

Wonke umntu uzakufumana ixesha lakhe, kodwa kufuneka umntu alinde,” utshilo uPitso.

Kule mpelaveki iSundowns indwendwela iFree State Stars eJames Motsatsi Stadium kumdlalo ongentsimbi yesithathu ngeCawe.

pedro.mapelo@inl.co.za