Pitso: Zimbini iindebe esijonge zona ngoku

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, uvumile ukuba ngenene iqela lakhe libethiwe ngempelaveki edlulileyo.

ISundowns ebinethuba elihle lokuphumelela iindebe ezintathu kule sizini, inikezele emva kokuba ibethelwe enkundleni yayo yi-Orlando Pirates ngo’2-0 kumdlalo weNedbank Cup eLucas Moripe ePitoli ngoMgqibelo.

Phakathi kwiveki ephelileyo iDowns ikhutshiwe kwiCaf Champions League emva kokubetha i-AS Vita Club ngo’2-1 eLucas Moripe Stadium kwiveki ephelileyo – kodwa eyaphumelela ngo’1-0 kumdlalo wokuqala.

Amasandawana ngawo ebenamandla kulo mdlalo kodwa awakwazi ukusebenzisa amathuba wawo kakuhle. “Ukulawula umdlalo akuniki iqela impumelelo, akukhathaliseki nokuba unamathuba angakanani. “Ndibaxelele abadlali ukuba mabangenzi izinto nzima.

“Idlale kakuhle kakhulu iPirates kwaye babonise ukuyinxanelwa impumelelo ngaphezulu kwethu,” utshilo uPitso. “Ibhola ayikhathali nokuba abantu bangaphi ebaleni, xa ingqondo ungayimiliselanga – kuba nje. Sifunde isifundo. Siliqela elineminqweno.

“Siphoxekile kwiNedbank kodwa sijonge iindebe ezimbini ngoku,” utshilo uJingles. IDowns idlala ne-Ajax ngoLwesithathu kumdlalo wePSL eKapa.