PSL Champions League: iDowns ibethwa ngumoya phezulu

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, yindoda eqheleneyo neenzingo zebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika nangaphaya kwemida yawo.

Nangona kunjalo kodwa uPitso akonqeni ukuyixela into ebalulekileyo kuye.

Iqela lakhe liphoswe ziindebe ezintathu eMzantsi Afrika kodwa lo nto ayikhathazi nakancinci ngokuba uthi ufuna iindebe ezinkulu: eyePSL neCAF Champions League. Ukungxabalaza kweDowns kuzo zombini yinto enzima kakhulu kodwa isaqhuba kakuhle, mhlawumbi kungenxa yamava namalungiselelo enziwe phambi kokuqala kwesizini.

Noxa iSundowns inganikwanga ixesha lokuzilungiselela ngokufanayo neOrlando Pirates edlala iChampions League, uPitso namakhwenkwe akhe basathe chu kakuhle.

Ngoku iDowns ihleli phezulu kwiPSL emva kokubetha iMaritzburg United ngo’2-1 emdlalweni obuseHarry Gwala Stadium ngoLwesibini kule veki.

Ibethwa ngumoya phezulu ngamanqaku angamashumi amane anesithathu.

NakwiChampions League, iDowns ihleli phezulu kuGroup A emva kokuvuthulula iLobi Stars ngo’3-0 kwiveki ephelileyo.

Amasandawana antingele eMorocco apho aza kuqubisana neWydad Casablanca ngentsimbi yesixhenxe eStade Moulay Abdellah ngorhatya ngoMgqibelo.

Akusekho nto iyidlalelayo iDowns ngokuba seyinalo itikiti.

UPitso unomnqweno wokubona namanye amaqela aseMzantsi edlala kwimidlalo yeCAF.

Kutshanje, uthundeze amaqela eli lizwe ukuba akuthathele ingqalelo ukudlala kwiChampions League.

“Amaqela afana nePirates neChiefs ayafuneka kwiChampions League.

Sinabo abadlali nePSL ekwinqanaba eliphezulu; makungabikho zizathu zokungalimeli ilizwe kwiChamps League.

Amanye amazwe anamaqela amabini. Nathi sinako ukuyenza lo nto, indawoni ingxaki? Ngeke sikhale ngeendleko, iSimba yaseTanzania iyithatha phi imali yona? Ukudlala kwamaqela kwiCAF kunceda abadlali baqhelane nendlela ekuhanjwa ngayo kwizwekazi leAfrika,” utshilo uPitso.