PSL: Kurhoxisiwe ukuthengwa kweFree State Stars

Usihlalo wePremier Soccer League, ugqirha * -Irvin Khoza, ukungqinile ukungaphumeleli, kwentengiso yeFree State Stars ngelithi alisathengiswa eli qela, izolo.

Oku kulandela emva kokuba kwiveki ephelileyo iStars sibhengeze ukuba isivumelwano sokuthe,ngiswa kwaye noosomashishini abebefuna uyiyithenga, saphela singenzekanga. Izolo usihlalo ubize inkomfa yoonondaba nalapho achaze ukuba esi sigqeba sirhoxile kwisigqibo saso sokuthenga iStars.

Iingxelo zokuba kukho igqiza labantu abanomdla wokuthenga iStars ukuze iMoroka Swallows ibuyele kwiPremier Soccer League, ziye zanesantya kwezi veki zidlulileyo. Eli gqiza belikhokelwa ngumphathiswa wezemfundo eRhawutini uPanyaza Lesufi, bekulindeleke lifake zonke iimpepha kunye nemali efunekayo ingaphelanga iveki ephelileyo. Kuye kwacaca ukuba khange livumelane eli gqiza nePSL ngamasolotya athile, ingakumbi ukungafikeleli kwimali ebekugqityelwene kuyo.

Izolo uKhoza ucacisele iintatheli ukuba i-PSL ifumene imbalelwano esuka kweli qela laseBethlehem kunye noLesufi ubuqu. “Singangqina ukuba amacala omabini iFree State Stars noLesufi basibhalele besixelela ukuba esi sivumelwano asisekho,” utshilo uKhoza.

Kwiiveki eziphelileyo iStars sikhuphe ingxelo echazayo ukuba asithengiswa, kwaye abadlali abakhoyo ngoku balungiselela isizini entsha yePremier Soccer League.

Ngoku iMoroka Swallows izakuya kwi-ABC Motsepe League, emva kokuba yehliselwe kwiNational First Division.

Ingazithatha iminyaka emithathu Izinyoni into yokuba ziphinde zibuyele kwiPSL. Ukuba baqhuba kakuhle apho baya khona.