PSL: Yanga umphefumlo kaShaun Olive ungaphumla ngoxolo

UShaun Oliver, obelisekela loosomppempe uswelekile namhlanje emva kokugaxeleka engozini yemoto ngoLwesine wale veki. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Angena egxalathelana amazwi ovelwano emva kokuvakala kwesithonga sokubhubha kukaMnu. Shaun Olive – obelisekela likasompempe. Ukudlula emhlabeni kukaMnu. Olive kubhengezwe yiPremier Soccer League (PSL) emini namhlanje. Ngokwengxelo ekhutshwe yiSouth African Football Association (Safa), umfi ugaxeleke engozini embi kakhulu ngoLwesine wale veki, waze woyisakala namhlanje ekuseni.

Izolo bekukho ingxelo ekhutshwe yiKickOff Magazine ethi ucela uncedo lwemali ukuze akwazi ukubhatala iindleko zonyango. Uye woyisakala namhlanje emva kosuku olunye. Abaphathi bePSL sele beyalele ukuqatshelwa kokunduluka kwakhe phambi kokuqala kwemidlalo yePSL ngamaqela onke.

UShaun Olive, uCedric Muvhali, uTshidiso Mkwanazi noSibusiso Sisilana. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Kulindeleke iqale namhlanje lo nto xa iChippa United idibana neTshakhuma Tsha Madzivhandila emdlalweni weNedbank Cup oza kubanjelwa eFree State Stadium ngentsimbi yesithandathu ngorhatya. “SiyiPremier Soccer League sikhathazekile kukusweleka kwesekela-sompempe,” itshilo ingxelo.

“Sithi masithumele amazwi ovelwano kusapho lakwa-Olive, kwiSouth African Football Association nakubo bonke abantu aba bandakanyekayo ebholeni ekhatywayo. Sesiyalele ukuba ahlonitshwe ngokuthi cwaka umzuzwana emidlalweni yeDStv Premiership, iNedbank Cup, iDStv Diski Challenge nakwiGladAfrica Championship. Yanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo,” itshilo ingxelo ekutshwe yiPSL.

UMnu. Olive ngomnye wabancedisi boosompempe abaqaqambileyo eMzantsi Afrika nakwihlabathi. Ebengumcedisi woosompempe emidlalweni yePSL futhi engomnye wabo bavunyiweyo yiFIFA. Kwisizini egqithileyo (2019/20, uMnu. Olive wanikwa iwonga njengelona sekelasompempe eliqaqambileyo.

Nayo iSafa ivakalise ukukhathazeka kwayo kukuhamba kwakhe uMnu. Olive. “Sikhathazeke kakhulu kukusweleka komfana osemncinane njengoShaun. Usweleka xa kanye ephakathi kwabancedisi boosompempe abakhulayo. Ukusweleka kwakhe kuyilahleko kwi-Afrika nehlabathi lonke,” utshilo uGqirha Danny Jordaan, umongameli weSafa.