Rabada: Andonelisekanga ngumdlalo wam

UKagiso Rabada uzakubona njengethamsanqa ukwenzakala kukaDale Steyn kumdlalo weProteas kunye ne-India kule nyanga iphelileyo. Ukonzakala kuka Steyn kuye kwanika eli tyendyana ithuba lokugibisela okokuqala kumdlalo wovavanyo ingakumbi kwimidlalo kunye neNgilane.

NgoMgqibelo uRabada uwise oothinti abathathu, kumdlalo weProteas wesibini wovavanyo kunye neNgilane. Kodwa khange abonakalise kwaneliseka yindlela adlale ngayo emva koku. INgilane khange isokole kakhulu kusuku lokuqala eNewlands, kodwa bakwazile ukwenza imitsi engu317, bephulukene noothinti abahlanu.

Ibilusuku olunzima ebaleni kwiProteas, noRabada ukhe wasokola kubafana abaqhokrayo beNgilane. Kweminye imijikelo iibhola zakhe bezivuthululwa lula nje. UMorne Morkel naye ukwazile ukuwisa uthinti omnye.

URabada wagqibela ukudlala umdlalo wokhuphiswano ngexesha iProteas zidlala umdlalo wazo wesithathu kutyelelo lase-India. URabada uthi, ukugqibela kwakhe kudala ukudlala kuye kwachaphazela indlela aye wadlala ngayo ngoMgqibelo.

“Bekunzima kakhulu, bekungekho singqi kumdlalo wam. Akukho xesha lokwenza iimpazamo kumdlalo wovavanyo, ingakumbi xa ugibisela kubadlali abadlala kakuhle,” utshilo uRabada.

URabada ukwaqhwabele izandla uMorris, ngomsebenzi awenzileyo kumangeno okuqala eNgilane. Ukwathe, akasazi isizathu esenze ukuba uMorkel anganikwa ithuba lesibini phambi kokuba kuphele usuku.

“Besiyazi ukuba kufuneka sileqe ukuwisa oothinti. Ngelixa kufika ibhola yesibini entsha bendicinga ukuba lithuba lethu. Besinethemba lokufumana abanye oothinti,” utshilo uRabada.