Rakhale: Sizimisele ukuyiphumelela iNedbank Cup!

AmaBhakaniya azimisele ukukhupha amandla wawo onke ukuze abuye nempumelelo eLimpopo.

Ngenjikalanga yangoMgqibelo i-Orlando Pirates yothulana phezulu neSuperSport United kumdlalo omkhulu weNedbank Cup ePeter Mokaba Stadium ngentsimbi yesithathu. Kulindeleke udlalwe phambi kwenkitha yabalandeli lo mdlalo emva kokuba iPremier Soccer League ikhuphe ingxelo [izolo] ethi isiqingatha samatikiti alo mdlalo sesithengisiwe. Lo mdlalo awukho ngokufumana indebe nje kuphela ngoba iqela eliphumeleleyo lakuthi lifumane ithuba lokumela uMzantsi Afrika kwimidlalo yeCaf kunyaka ozayo. Umdlali siswini eBucs odlala kakuhle kakhulu, uThabo Rakhale, uthe bazimisele ukwenza konke ekusemandleni wabo bengabadlali ukuze baphumelele le ndebe ikhatshwa zizigidi ezisixhenxe zeeRandi [R7-million]. “Sifuna ukuqinisekisa ukuba izakuthi iNedbank.

“Eyona nto siyifunayo kukudlala kwiConfederation Cup,” utshilo uRakhale ethetha kwinkqubo kamabonakude. Isizini ka2015/16 yenye yeesizini ezimbi kwiPirates ukusukela ngo1996 – kodwa isenalo ithuba lokuncumisa abalandeli bayo ngale ndebe. Lo msebenzi ngeke ubelula konke ngoba iPirates idibana nabanye ooxholovane abaqeqeshwa yindoda enamava kwimidlalo emikhulu njengalo. Oomabini akwazile ukuzibekela indawo kwiMTN 8. Ngethamsanqa lawo, kusekuninzi azakudlalela ngoba iNedbank yeyona ndebe ibalulekileyo.

Ibaluleke kakhulu le ndebe kumqeqeshi weBucs, * -Eric Tinkler, ofuna ukubuyisa isidima seqela lakhe elagqubhazileyo kule sizini. Emva kokuqhuba kakuhle kwiConfederation Cup kunyaka ophelileyo ebethwe kuyo kumagqibela kankqoyi iPirates – ngoku uTinkler ufuna impumlelo ukuze abuyele kuyo kwakhona.

La maqela amabini adlale ngokulingana ngo’2-2 kumdlalo wokugqibela wePSL ngempelaveki edlulileyo e-Orlando Stadium.