Ramahlwe Mphahlele: Linye iyeza elinokunyanga ukubethwa yiPirates

Vincent Pule of Orlando Pirates challenged by Ramahlwe Mphahlele of Kaizer Chiefs during the 2018 Telkom Knockout semi-final match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at Moses Mabhida Stadium, Durban on 24 November 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Amakhosi
asantywizisa emva kokukhutshwa kwiTelkom Knockout! Iimpofane ziphantsi
koxinizelelo emva kokubethwa yi-Orlando Pirates ngo’2-1 emdlalweni weTelkom obubanjelwe
eMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo. Ibilityeli lesithathu iKaize Chiefs
ibethwa yiPirates kulo nyaka wodwa. Abalandeli beChiefs baqumbile ngenxa yalo
nto. Namhlanje Amakhosi adibana neZimamoto emdlalweni wokuqala weCaf Confederation
Cup, eNelson Mandela Bay Stadium, ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya.
URamahlwe Mphahlele uthi linye iyeza elinokunyanga ukubethwa yiPirates kwiveki
ephelileyo: kukuphumelela umdlalo wanamhlanje.

“Singabadlali
bebhola. Siyayazi into eyenzeke kwiveki ephelileyo isibuyisele umva – kodwa sigqibe
kwelokuba siphose ngasemva. Zasikhathaza nathi iziphumo zomdlalo ngoba sasifuna
ukuwuphumelela umdlalo ukuze siye phambini – kodwa (ngoku) kufuneka sigqithe
kulo nto. Asinakuhlala endaweni enye naphakade kwaye wonke umntu eqeleni uzama
ukusikhuthaza (thina badlali) ukuze siye phambili,” utshilo uMphahlele
xeshikweni ethetha neentatheli eBhayi izolo.

Ukubethwa
kweChiefs kwiveki ephelileyo kuthethe ukuthi iphulukene neendebe ezimbini zonke
kule isizini. Yilo nto kanye ebangele uGiovanni Solinas axolise kubalandeli
beChiefs emva kokubethwa kwayo. IChiefs isemva kwePirates neBidvest Wits
kumanqwanqwa we-Absa Premier Soccer League – kodwa uMphahlele uthi indlela
isende, abadlali kufuneka bavuthulule baye phambili. “Sisenemidlalo emininzi.
Kufuneka sivuthulule siye phambili futhi siqinisekise ukuba siqhuba kakuhle
kwimidlalo elandelayo. Yilo nto kuphela enokuba liyeza lokunyanga okwenzekileyo,”
utshilo uMphahlele.

Komnye
umdlalo weConfederation Cup, iFree State Stars idibana neMukura Victory Sports
ngentsimbi yesithathu namhlanje emalanga eBidvest Stadium. Kwimidlalo
yeCaf Champions League, iMamelodi Sundowns idibana neVegaterianos
yase-Equatorial Guinea
– kanti yona iOrlando Pirates iza kungquzulana neLight Stars yaseSeychelles.