Intloko yezombhoxo kwiSouth African Rugby Union, uRassie Erasmus, ithi izicwangciso zemidlalo ephakathi kweSpringbok namaNgesi (British & Irish Lions) kufuneka zihambe ngendlela ebezicwangciswe ngayo kakade. Oku kuthethwe nguErasmus ekuqaleni kwale veki emva kokuthandabuzeka kokuphumelela kwelona tyelelo lubalulekileyo embhoxweni waseMzantsi Afrika ngenxa yekhorona edungadunga ihlabathi. URassie uthe uxolele ukwenza nantoni na ukuze utyelelo lwamaNgesi lube yimpumelelo.
Emva kokuvalwa kwemidlalo yombhoxo phantse wonke unyaka ka2020, kulo nyaka imidlalo iye yavunyelwa ngurhulumente ukuba idlalwe kodwa phantsi kwemiqathango ethile. Ngenxa yokungavunyelwa kwabalandeli emidlalweni, kukhe kwakho incoko ethi utyelelo lwamaNgesi maluhlehliselwe unyaka ozayo. URassie uthi alukwazi ukujikwa utyelelo lweLions ngoba yinto eyenzeka kanye emva kwexesha elide kwaye lubalulekile.
“Kunyanzelekile singuMzantsi Afrika sidlale neLions kwaye sizimisele ukwenza konke okusemandleni wethu ukuze yenzeke lo nto. Uchungechunge lwemidlalo ephakathi kweSpringbok neBritish Lions lwenzeka kanye eminyakeni elishumi elinambini. Ndiyaziva izimvo zabantu ngolu tyelelo. Asikwazanga ukudlala kwiRugby Championship kuba besifuna ukukhusela iimpilo zabantu, kodwa besisazi ukuba kukho imidlalo emikhulu ezayo ngo2021.
Ukuba asikwazi ukudlalela eMzantsi Afrika, sixolele ukukhangela amanye amaqhinga. Asikwazi ukungadlali neLions ngoba sicinga ukuba kufanele sidlale nayo. Mna, umqeqeshi waMabhokobhoko ( uJacques Nienaber) nabadlali siyafuna ukudlala neLions kwaye siza kwenza nokuba yintoni ukuze iphumelele lo nto,” utshilo uErasmus ethetha neentatheli. AmaBhokobhoko akakadlali ukusukela oko aphumelela iNdebe yeHlabathi yombhoxo ngo2019 kwilizwe laseJapan ngenxa kabhubhane ohlasele ihlabathi lonke ekuqaleni konyaka ophelileyo.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo