Rassie: Sifuna ukuwuphumelela umdlalo

URassie Erasmus noSiya Kolisi bethetha ngamalungiselelo eqela lesizwe phambi komdlalo umfanekiso: Christiaan Kotze/BackpagePix

UMzantsi Afrika uza kuqula de uligangathe xa udibana neJapan emdlalweni wombhoxo wokucweya oza kudlalelwa eKumagaya ngomso (Lwesihlanu) ngo-12:15, utshilo uRassie Erasmus. Amabhokobhoko abila esoma enkampini eJapan, apho alungiselela imidlalo yeTumente yeHlabathi yoMbhoxo ekulindeleke ukuba iqale kwiiveki ezizayo.

Umqeqeshi weBoks uthi umdlalo ophakathi kweqela lakhe neJapan ubalulekile kakhulu futhi akayithathi kancinci konke konke iJapan. Ekupheleni kweveki egqithileyo, indimbane yabalandeli bombhoxo eMzantsi Afrika bakhaphe abadlali beqela lesizwe ngethuba bentingela eJapan.

Umyalezo wabo ubumnye – nibuye nodumo. Ngoku amakhwenkwe kaRassie aphantsi koxinizelelo emva kokugqwidiza kwiNdebe yeHlabathi edlulileyo.

Ukudlala neJapan kusoloko iyinto enzima kuMabhokobhoko ngoba abethwa kabuhlungu emdlalweni obalulekileyo eNgilane ngo2015.

Yiyo lo nto uRassie Erasmus ebona umdlalo ophakathi kweqela lakhe neliza kusingatha iNdebe yeHlabathi njengethuba lokuzivavanya amandla nokubuyisa isidima salo. Umqeqeshi ubhengeze amagama weqela labadlali eliluqilima ekulindeleke liqubisane ngqo neJapan.

“Ndinethemba lokuba indlela esikhethe ngayo abadlali iya bonisa okokuba siyihloniphile iJapan. Mhlawumbi senze impazamo ngokuyidelela ngaphambili kweli ityeli, besisoloko sishumayela ukungathathwa kwayo kancinci iveki yonke. Siza kudlala neqela elinabadlali abahlakaniphileyo kakhulu. Emva kokuba iJapan iphumelele indebe kwinyanga ephelileyo – ngoku iza kusebenzisa lo mdlalo wovavanyo njengethuba lokubonisa okokuba iziinkunzi embhoxweni,” utshilo uErasmus.

Ukuzithemba ebadlalini boMzantsi Afrika kufunqukile emva kokufumana iziphumo ezincumisayo emidlalweni abayidlale namazwe afana neAustralia, iNew Zealand neArgentina kwinyanga egqithileyo.

Kodwa Amabhokobhoko aya kwiJapan eyawabetha ngo’34-32 emdlalweni weNdebe yeHlabathi ngo2015 kwelaseNgilane.

“Kulula ukwenzeka kwento enjalo kwakho ukuba asifundi kwizinto ezenzekileyo ngaphambili. Ngumdlalo wovavanyo esifuna ukuwuphumelela ngoba sakuba sengxakini ukuba ayenzekanga lo nto,” utshilo uErasmus.

Abaza kudlala neJapan:

15-Willie le Roux, 14-Cheslin Kolbe, 13-Lukhanyo Am, 12-Damian de Allende, 11-Makazole Mapimpi, 10-Handre Pollard, 9-Faf de Klerk, 8-Duane Vermeulen, 7-Pieter Steph du Toit, 6-Siya Kolisi (uKapteni), 5-Franco Mostert, 4-Eben Etzebeth, 3-Frans Malherbe, 2-Malcolm Marx, 1-Steven Kitshoff.

16-Bongi Mbonambi, 17-Tendai Mtawarira, 18-Trevor Nyakane, 19-RG Snyman, 20-Francois Louw, 21-Herschel Jantjies, 22-Frans Steyn, 23-Jesse Kriel.